E-Pitoli

Livela
ePitoli
Xa uyijonge umi kwizakhiwo zomdibaniso
Xa uyijonge umi kwizakhiwo zomdibaniso

Flag

Seal
Motto: Præstantia Prævaleat Prætoria (May Pretoria Be Pre-eminent In Excellence)
iphi kanye iPitoli apha eMzantsi Afrika
iphi kanye iPitoli apha eMzantsi Afrika
Coordinates (eChurch Square): 25°44′46″S 28°11′17″E / 25.74611°S 28.18806°E / -25.74611; 28.18806
Isizwe eMzantsi Afrika
iPhondo eRhawutini
uMasipala wesixeko esikhulu isiXeko saseTshwane
Saasunyanwa ngo1855
Uluntu(2010)
 • Total 2.1 million
Time zone SAST (UTC+2)
Postal code 0001 (iboxes)
0002-0199 (istrata)
Area code 012

iPitoli yenye yezixeko ezintathu ezilikomkhulu lelizwekazi iAfrica apha eMzantsi Afrika. Sisixeko esingundlu-nkulu kwimicimbi yolawulo lwaseburhulumenteni kwaneminye imicimbi yesixeko edl'umzi. Abanye oondlu-nkulu bezixeko ababini yiKapa apho kugqitywa khona ngemakwenziwe ngurhulumente(indlu yowiso-mthetho kunye neBloemfontein (iinkundla zokumilisela umthetho). Esi sixeko sisemantla ePhondo laseRhawutini, eMzantsi Afrika.

Iziphaluka nemozulu[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

iPitoli iphakathi kweHighveld neBushveld, malunga neekhilomitha ezingama-50 emantla eRhawuti emantla-mpuma oMzantsi Afrika. Sisixeko esikwingingqi eshushu, nebufihlakala. Ingingqi le ijikelezwe ziinduli zaseMagaliesberg ezenze[[intaba ngokulandelelana kwazo. Imozulu yasePitoli iyatshintsa-tshintsha kwaye kusoloko kukho umophu (Cwa in the Koeppen climate classification). Iliqhwa yinto ehlala ihlale iwe. apha ePitoli iliqhwa liwa kabini kwikhulu leminyaka.

Ubungakanani boluntu[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Esi sixeko sinoluntu abamalunga ne-1.9 yezigidi zabantu. Ezona lwimi zithethwayo apha ePitoli ziquka isiBhulu, isiTswana, isiPedi, nesiNgesi.

Language Population %
IsiBhulu 331 700 47.67%
IsiNgesi 113 957 16.38%
IsiPedi 55 814 8.02%
IsiTswana 37 884 5.44%
Other 34 115 4.90%
IsiZulu 25 827 3.71%
IsiSotho 24 605 3.54%
Xitsonga 18 016 2.59%
Tshivenda 17 299 2.49%
IsiXhosa 16 106 2.31%
IsiNdebele 13 545 1.95%
IsiSwati 5 637 0.81%

Imbali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Abantu abantetho isisiNguni abafika bazinza apha yaba ngabantu bokuqala ukuhlala kumlambo wale ngingqi eyathi ekuhambeni kwethuba yabizwa ngokuba sisixeko sasePitoli.

I-Pitoli yathi yafunyanwa ngo-1855 nguMarthinus Wessel Pretorius. Wayeyinkokheli yeVoortrekkers. U-Pretoruis wathiywa eligama ngoyise owayenguAndries Pretorius. U-Andries Pretorius wabaligorha leVoortrekkers emva kwedabi elalibizwa ngokuba yiBattle of Blood River. Esi sixeko saba ngundlunkulu werhiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika ngomhla woku-1 kaCanzibe, ngo-1860.

Ngexesha leMfazwe yokuQala yamaBhulu, esi sixeko saahlaselwa ngeyoMnga ngo-1880 nangeyoKwindla ngo1881. Isivumelwano soxolo esaphelisa imfazwe satyikitywa ePitoli ngeyeThupha 3, ngo1881 kwinkomfa yasePitoli.

Imfazwe yesiBini yamaBhulu (ngo-1899 ukuya ku1902) yeenza okokuba iRhiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika iphele. Emva kwale mfazwe, iZiKumkani ezimanyeneyo zaluthathela kuzo ulawulo loMzantsi Afrika. Ngexesha lemfazwe, uWinston Churchill waavalelwa kwisikolo esasibizwa ngokuba yiStaats School ePitoli. Kamva waakhululwa waza waya eMozambique. Isixeko saanikezela kumajoni omkhosi waseBritane ngomhla wesi-5 kweyeSilimela, ngo1900. Le mfazwe yapheliswa ngokutyikitya isivumelwano soxolo esasibizwa ngokuba luxolo lwase Vereeniging ngomahla wama-31 kuCanzibe ngo-1902.

Ngo-1910, iPitoli yaba ke ngoko iba nguNdlunkulu wolawulo kuMzantsi Afrika uphela, yaza yona iKapa yaba ngundlu-nkulu wendlu yowiso-Mthetho. phakathi kweminyaka ka-1860 no-1994, esi sixeko sasikwa nguNdlunkulu wephondo laseTransvaal. Ngomhla we-14 kweyeDwarha ngo1931, isixeko sasePitoli saathi yaziswa ngokwaseburhulumenteni. Waathi xa uMzantsi Afrika wawusiba yiRhiphabhlikhi ngo1961, iPitoli yasigcina isikhundla sayo sokuba nguNdlunkulu kulawulo.

Kwabakho ixesha apho iPitoli yayisaziwa njengoNdlu-nkulu wengcinezelo yaseMzantsi Afrika. Oku kwatshintsha mhla uNelson Mandela waba nguMongameli wokuqala omnyama kweli lizwe.

Uqoqosho[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

IPitoli liziko lemveliso elubaluleke kakhulu. Inemizi yemveliso emininzi kakhulu singabalula eyentsimbi and iacciaio ebunkcenkce kunye nenqwelo ezitshintshayo, indlela kaloliwe kunye neematshini nemizi-mveliso.

Iindawo ezinomtsalane[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Iigadi zezulwanyana zeSizwe saseMzantsi Afrika
  • Church Square
  • Union Buildings
  • Marabastad
  • Menlyn Park

Umzi wezilwanyana nezenkcubeko zeli[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Kruger House (Residence of the president of the ZAR, Paul Kruger).
  • Melrose House (The Treaty of Vereeniging which ended the Anglo-Boer War was signed here in 1902)
  • Voortrekker Monument
  • Freedom Park
  • Transvaal Museum
  • African Window

Nature Reserves[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Groenkloof Nature Reserve
  • Rietfontein Nature Reserve
  • Moreletaspruit Nature Reserve
  • Fairy Glen Nature Reserve
  • Wonderboom Nature Reserve

Stadiums[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Loftus Versfeld

Other websites[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

E-Pitoli