Jump to content

Samuel Edward Krune Mqhayi

Livela

 

USamuel Edward Krune Mqhayi ( SEK Mqhayi, 1 kweyoMnga 1875 – 29 kweyeKhala 1945 ) wayengumbhali wemidlalo yeqonga yesiXhosa, umbhali wezincoko, umhlalutyi, umbhali weencwadi zengxelo, umbhali wembali ngabaNtsundu, umguquleli wolwimi, utitshala kunye nembongi omisebenzi yakhe ethathwa njengesiXhobo sokubeka emgangathweni igrama yesiXhosa nokugcinwa kolwimi lwesiXhosa. ngenkulungwane yama-20. [1]

Imvelaphi ka SEK Mqhayi

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UMqhayi wazalelwa kwilali yaseGqumahashe (isikhululo esidala seMishini ) kwintlambo yaseTyhume kufutshane naseDikeni kwiPhondo leMpuma Koloni, eMzantsi Afrika ezalwa ngabazali bakhe uZiwani Krune Mqhayi kunye noQashani Bedle ngomhla woku-1 kweyoMnga ka-1875. [2] Abazali bakaMqhayi babengamaKristu kunye noyise uZiwani owaziwa ngokuba “yindoda ekhokelayo ecaweni yakhe, edume ngokucebisa, ukushumayela nokucula.” UMqhayi waqala imfundo yakhe yamabanga aphantsi eThyume Valley. Uthe xa eneminyaka elithoba, uMqhayi wahamba noyise (umama wakhe wasweleka eneminyaka emibini) baya kuCentane ukuya kuhlala nomalume wakhe uNzanzana (usibonda wendawo) ngexesha lendlala yaseWitgatboom ngo-1885. UMqhayi ubalisa ngeminyaka emithandathu awayichitha kuCentane njengokuba ibe nefuthe kuye nasekubhaleni kwakhe “Kuloo minyaka mithandathu ndifunde lukhulu ngokuhlonipha ubomi besiXhosa, kuquka nokucokiswa kolwimi lwesiXhosa. … Ukuba bendingekho eKentani [sic] Kuloo minyaka mithandathu, kum kubonakala ngathi ngendingazange ndibe luncedo kwisizwe sam ... yayiyindlela yokufumana ingqiqo ngobomi besizwe sabantu bam. " uMqhayi uthe eneminyaka elishumi elinesihlanu wasweleka umalume wakhe, utata wakhe owayefudukele eRhini wathumela udade wabo ukuba ayokumphuthuma. UMqhayi wafunda eLovedale College apho wafundela ubutishala. [3] UMqhayi wasweleka ngo1945 eNtab’ozuko, wangcwatyelwa eBerlin ngaseQonce.

Ngeminyaka yee-1890, umatshini wokushicilela wawusaziwa kakhulu phakathi kwabantu abaNtsundu eMzantsi Afrika . Ngonyaka ka1897 uMqhayi, u-Allan Kirkland Soga, uTiyo Soga nabanye basungula iphephandaba elithi Izwi Labantu . Kweminye yemibhalo yakhe yelinge Izwi Labantu, uMqhayi ubonakalise ukuphoxeka kwakhe kwintshona yeAfrika: [1]  

  1. 1.0 1.1 "S E K Mqhayi: Piercing Curtains of Modernity" The Journalist retrieved 1 August 2017  Cite error: Invalid <ref> tag; name "Mqhayi1" defined multiple times with different content
  2. Mqhayi, Samuel Edward Krune (c. 1945) A short autobiography of Samuel Edward Krune Mqhayi  Unknown parameter |hdl= ignored (help)
  3. "The Sociological Imagination of S.E.K Mqhayi" Leo Jonathan Schoots retrieved 1 August 2017