U-Tiyo Soga (1819-1871)

Livela
Tiyo Soga

Xa kuthethwa ngoTiyo Soga wayeyintatheli, enguMfundisi, umVangeli, mbhali weengoma zokudumisa, kwaye enguye nomguquleli wencwadi, waseMzantsi-Afrika. Lo mfo kaSoga waba ngumntu wokuqala ontsundu owachongwayo ukuba makaguqulele ibhayibhile esiXhoseni uphinde waguqulelela kwilwini lakhe isiXhoseni incwadi kaJohn Bunyan yodumo iPilgrim's Progress. Mininzi eminye imisebenzi uTiyo Soga ebeligalelo kuyo ekuphuhlisa ulwimi lwakhe lenkobe isiXhosa eyona misebenzi ibaseleyo yincwadi ethi Intlalo kaXhosa, noUhambo lomhambi zininzi ke nezinye iincwadi athe wazibhala uTiyo ngoXhosa.

Uzalwa ngubani u-Tiyo?[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

U-Tiyo Soga uzalelwe e-Eastern Cape ngo-1819, ezalwa nguNosuthu (unina) noJotello (uyise). Ingcaphephe yomphandi waseAfrika. Uyise UJetello wayenguceb'omkhulu wenkosi yamangqika olunye uhlanga lwamaXhosa. Uyise kaTiyo soga wayenesithembu sabafazi abasibhozo nabantwana ababengamashumi amathathu anesithoba.

Imfundo yakhe?[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umfo kaSoga wayefunda kwisikolo sama-missionary, kulapho wabonwa khona ngomnye wama-missionary uWilliam Chalmers okokuba ukrelekrele ngengqondo. Ngenxa yoko wabona uChalmers okokuba makenze iinzame zokokuba uTiyo abhale iimviwo eziyakwenza okokuba akwazi ukungena kwisemina eyayise-Lovedale ngo1844.

Eyona nto yamlaxaza gqitha uSoga kolo viwo kukoyiswa kukuthabatha xa wayebekelwe izibalo ebhodini ezazimnyanzelisa ukuba athabathe, into eyayilula kakhulu. Yamemzela isikhwakhwalala le nto umf'omkhulu. kodwa ke kwathi kuba wayewazi amendu alo mfo uChalmers, akazange aphele mandla, wazama ukumbonisa nokumkhuthaza umphathi waseLovedale owayengu-William Goven ukuba amamkele u-Tiyo. Wathi akwamkelwa apho uTiyo, yasuka yahlala! akapasa wakrazula. Wapasa emagqabini waphuma kwisithathu sokuqala koongqondo-ngqondo awayefunda nabo.

Ukuhamba kwakhe ekhaya[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwathi kusenjalo kwagqhabhuka imfazwe ekwakusithiwa yi'War of the Axe' ngo-1846. Le mfazwe yenzeka ngakunxweme olugudle i-Eastern Cape. Kwanyanzeleka okokuba uTiyo nonina bafuduke ngeenjongo zokusaba baye e-Fort Armstrong, apho uSoga waqhubela phambili nezifundo zakhe, efunda ebusuku ngokukhanya okwakusenziwa ngokubasa umlilo. Kusenjalo naanko uwilliam Goven ebuyela eScotland. Uthe xa ephindela emva wathatha uTiyo wahamba naye, ukuze akwazi ukuqhubela phambili nezifundo zakhe.

Ukubhabhatizwa kwakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Njengomntu owayesele engene ngokupheleleyo kwinkolo yamaKristu, ekhulele kuyo eseyinkwenkwe, uTiyo wathi akufika eScotland wabhabhatizwa ngo1948.

Ukubuyela kwakhe ekhaya[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Waphinda wabuya lo mfo ngo1849 sele engumvangeli ovuthiweyo, wakhe wathi ukuvangela ekhaya.

Ukubuyela kwakhe eScotland kwakhona nempumelelo kwizifundo zakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kodwa ke wabuya waphindela kwaseScotland ngeenjongo zokufundela ubufundisi (i-theology). Hayi nalapho, wagqwesa waziphumelela ezi izifundo eneminyaka engama-27. Waza ke ngoku wamkelwa kwinkonzo youbufundisi enjengomfundisi ePresbyterian (e-Rhabe ngesiXhosa) ngomnyaka ka1856. Wathweswa isidanga seTheology eGlasgow Univesithi ngo1856. Wabangowokuqala ukufumana esi sidanga kubo bonke abantu abantsundu ngelo xesha.

Ukuzimanya kwakhe ngeqhina lomtshato[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngomnyaka ka1857 uTiyo uye wazimanya nentombi yaseScotland u-Janet Burnside. Balizwa ngabantwana abasixhenxe.