Jump to content

SABC1

Livela


I-SABC 1 sisitishi sikamabona-kude sosasazo eMzantsi Afrika esisasazwa liShishini loSasazo laseMzantsi Afrika (SABC) elisasaza inkqubo ngesiNgesi namanye amalwimi esiNguni.

Yenziwa ngo 1996, xa i-SABC ibiguqula izitishi zayo zosasazo. I-SABC 1 yayisasaza inkqubo ezasuka kwisitishi sakudala esavalwayo i-CCV (Contemporary Community Values), esi sitishi senziwa kwizitishi zakudala u-TV2, TV3 no TV4 ezenziwa nge1980s. I-SABC 1 itsala elona nani elikhulu lababukeli eMzantsi Afrika ngenxa yenkqubo ezahlukeneyo ezisasazwa kuzo ezifana ne Generations, Uzalo neSkeem Saam.


Ngomhla ka 1 EyoMqungu 1982, amakhasi amabini wosasazo avulwa, u-TV2 owayesasaza ngesiZulu nangesiXhosa no TV3 owayesasaza ngesiSotho and nangesiTswana, zombini zazibhekise kubabukeli abantsundu.[1] Isitishi esingundoqo, u-TV1, wasasaza ngesiNgesi nesiBhulu. Ngo 1985, isitishi esitsha esabizwa ngoTV4 saqala ukusasaza, siphethe inkqubo ezemidlalo, isebenzisa ikhasi le TV2 no TV3, ezayeka ukusasaza ngo 9:30pm.[2]

Ngo 1992, u-TV2, TV3 noTV4 bahlanganiswa banikwa igama elingu CCV (Contemporary Community Values).[3] Esesithathu isithishi sabizwa i-TSS, okanye i-TopSport Surplus, i-TopSport iligama lesebe losasazo lika-SABC lwezemidlalo, yaze yaba ngu-NNTV (National Network TV), ikhasi lezemfundo ngo 1994.[4]

Ngo 1996, i-SABC yaqokelela izitishi zayo ezintathu ngenjongo yokuzenza nokubonakalisa ulwimi olusasaza ngazo. EzI zitishi zabizwa ngoSABC 1, SABC 2 noSABC 3.


  1. The Press and Apartheid: Repression and Propaganda in South Africa, William A. Hachten, C.Anthony Giffard Springer, 1984, page 222
  2. Communication and Democratic Reform in South Africa, Robert B. Horwitz, Cambridge University Press, 2001, page 68
  3. South Africa: Official Yearbook of the Republic of South Africa, Department of Information, 1992, page 131
  4. The voice, the vision: a sixty year history of the South African Broadcasting Corporation, Malcolm Theunissen, Victor Nikitin, Melanie Pillay, Advent Graphics, 1996, page 127