U-Helen Zille

Livela
U-Helen Zille

Lo ngu-Otta Helen Zille owazalwa ngomhla we-9 kweyoKwindla ngo-1951. Uyinkulumbuso kwiPhondo lasentshona-Koloni, ukwalilingu lasePalamente kwakweli Phondo. Le nzwakazi ikhokhela umbutho weqela eliphikisayo i-Democratic Alliance. Ngaphambili lo kaZille wayengu-Mayor wesixekokazi iKapa. Iiminyaka yoo-1970, yiminyaka yokuvuthwa kwengcinezelo apho kwakuqhum'uthuli. Kungelo xesha kanye lo kaZille wathi wazibonakalisa khona, eyintatheli ephum'izandla yephepha elalibizwa ngokuba yi-Rand Daily mail, ekwalwa nocalu-calulo olwalukho emZantsi Afrika. Kaloku waba ngomnye wabantu abadiza okokuba lwalukho unyawo lwemfene ekuswelekeni kukaSteve Biko nowayelitsha ntliziyo lokulwa negcinezelo ekwakhokhela umbutho wakhe we"Black Consciousness. ngeminyaka yoo-1980, uHelen Zille wasebenzela iqela ekuthiwa yi-"Black Sach" namanye amaqela. Kuyo yonke leminyaka ekulawula ngayo urhulumente woluntu, uZille ebesoloko ekho esebenza. Ngo-1999-2004 wayeyinkulumbuzo yezemfundo kurhulumente wePhondo laseNtshona Koloni, ngo2004 - 2006 wabalilungu lasePalamente wabangusodolophu okanye yi-Meya, ngo-2006-2009.sithetha nje lo kaZille uyiNkulumbuso yaseNtshona-Koloni, sikhundla eso wasifumana ngo-2009.

Imisebenzi eyenziwe yile ntokazi ntokazi yakwaZille njengeMeya okanye uSodolophu waseKapa, ingakumbi impumelelo yakhe ekulweni nobundlobongela, iziyobisi, kunye nentswela-ngqesho egqubayo eKapa, yakhokhelela ekwenyulweni kwakhe njengeMeya yeHlabathi kunyaka ka2008. Bebonke abantu ababegxalathelana kolu khuphiswano bejonge ukuwina le ndebe babengama-820. Kananjalo waye ngundaba-mlonyeni de wavuzwa ngentshinga yokokuba ungeyena mntu udala iinda koonondaba ngo-2006, eyinikwa le ntshinga ngabakwa-National press club ngoJuly ka-2007. Kwayena uZille kaloku wangena kumagqibela kankqoyi kukhuphiswano lwendebe eyayilungiselelwe eyona nkosikazi iphum'izandla eMzantsi Afrika. Zine iilwimi ezithethwa nguZille, nazi: SisiNgesi, sisiBhulu,sisiXhosa kunye nesiJamani ulwimi lwabazali bakhe.