Robben Island
Isiqithi sekapa "Robben Island" (isiBhulu: Robbeneiland) sifumaneka kwiikhilomitha ezisixhenxe ukusuka kwintsona kungxweme lwase Bloubergstrand, kulwandle IAtlantic Ocean ,kwiphondo lweNtsona Koloni eMzantsi Afrika. Esi sisiqithi esiyimbalasane kakhulu kwilizwe loMzantsi Afrika nezwekazi iAfrika iphela. Sisiqithi esiyimitsi embalwa umphakamo phezu kolwandle iAtlantic ocean.
Ngonyaka wama1999 esisixeko saziswa ngokusesikweni njengeziko lezobugcisa nenkcubeko kwiphondo leNtshona Koloni esiqulathe imbali yelizwe loMzantsi Afrika kwaye sibuyisa inkumbulo ngenkqubo yocalucalulo nempumelelo yorhulumente wentando yesininzi. Ikumphakamo weemitha ezingamashumi mathathu phezu kolwandle. Esi sixeko sasisetyenziswa njengentilongo nendawo yokugcina abantu ababhukuqa umbuso ixesha elide, kunye nesibhedlele sengqondo. Esi siqithi sibe liziko lezinto ezininzi ukususela ngowama1600 ukufika komkhosi wamaBhulu ngethuba likaJan van Riebeeck owayekhokela umkhosi wamakholoniyali ikwangumntu wokuqala ukuzinza kwesi siqithi. I-Robben Island le luphawu oludumileyo ehlabathini.
Kulapho amaqhawe esizwe ekuquka utata uNelson Mandela, Oliver Tambo, Robert Sobukwe nabanye ngethuba loRhulumente wengcinezelo. Kulapho amatshantliziyo awayesilwisana noRhulumente ayebanjwa aze agcinwe khona iminyaka. Ukususela kumawaka alishumi elinesixhenxe eminyaka iRobben Island isetyenziswa njengendawo yokugcina amabanjwa ayamene nezopolitiko.Urhulumente wamaBhulu wayevalela khona amabanjwa ezombuso nezigila mkhuba.
Amanye amaqhawe esizwe awayebanjwe esiqithini
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
- Nelson Mandela (owayesakuba ngumongameli weloMzantsi Afrika)
- Kgalema Motlanthe (oweyesakuba ngumongameli weloMzantsi Afrika)
- Jacob Zuma (oweyesakuba ngumongameli weloMzantsi Afrika)
- Laloo Chiba (Iqhawe lesizwe)
- Mac Maharaj (Iqhawe lesizwe)
- Jafta Masemola (Iqhawe lesizwe)
- Govan Mbeki (Iqhawe lesizwe)
- Raymond Mhlaba (Iqhawe lesizwe)
- Andrew Mlangeni (Iqhawe lesizwe)
- Wilton Mkwayi (Iqhawe lesizwe)
- Elias Motsoaledi (Iqhawe lesizwe)
- Oscar Mpetha (Iqhawe lesizwe)
- Billy Nair (Iqhawe lesizwe)
- Ahmed Kathrada (Iqhawe lesizwe)
- Walter Sisulu (Iqhawe lesizwe)
- Robert Sobukwe (Iqhawe lesizwe)
- Njongonkulu Ndungane (UBhishophu)
- Tokyo Sexwale (owayesakuba ngumphathiswa wezindlu)
- Mosiuoa "Terror" Lekota (umongameli weCope)
- Amos Masondo (kwezopolitiko)
Robert Sobukwe
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]URobert Mangaliso Sobukwe wayengumqambi nenkokheli yombutho iPAC elasekwa ngo wama1959. Ngomhla wama21 kweyoKwindla ngowama1960 wayengumququzeleli wenkqubo eyayisilwa nokusetyenziswa kwamaPasi. Kulapho wathi wabanjwa wayokuvalelwa eRobben Island iminyaka emithathu emva komthetho owathi wasekwa ngethuba eseluvalelweni sandiswa isigwebo yayiminyaka emithandathu. Wayevalelwa kwisisele esisekhusini engavumelekanga ukuba athethe nabantu [1]