Izibulo

Livela

Izibulo ngumntwana wamazibulo ozalwa ngumfazi oqalayo ukumitha ngaye lo. Njengokuba ebekhuliswa ngenyameko enkulu engazani nandoda, eyintombi nto, ebesithi ke esakwenda kube kukudibana kwakhe nendoda engumyeni wakhe okokuqala ebomini bakhe. Umzimba womfazi ubusithi njengokuba usothuswe sesi sehlo sokudibana nendoda, into angazange adibane nayo ngaphambili, abe sele emitha ngoko nangoko. Ngenxa yezi nguquko zenzeka kulo mzimba walo mfazi, ebemitha umntwana oneempawu ezizodwa ezibonakalisa okokuba umithe ngokophuka kobuntombi bukanina. Loo nto ibimenza loo mntwana ahluke kwabanye abazelwe mva, kuba le ndlela amithwe ngayo imenze abengumntu oyinkokheli esoloko ijonge abanye abantu. Abantu abanolwazi bebesithi bakumjonga bazibone iimpawu zezibulo apha kuye, ngakumbi imisebenzi yakhe.

Izibulo akusingomntwana wokuqala ukuzalwa, ngumntwana wokuqala ukuthwalwa ngulo mama obeqala ukulala nendoda ngaye lo. Umfazi obemana emitha kungalungi, njengalo uphunyelwa sisisu okanye zizisu, mhlawumbi obesoloko ecwangcisa, akathi esakube ede waba uzala umntwana abe kanti ngolo hlobo uyazibula. Kuthiwa izibulo lakhe zange lilunge. yhiyo le nto aba bantu bathintela ukumitha kodwa babe benamadoda bangabazaliyo abantwana abaneempawu zokuzibula. Isizathu sesokokuba bamithwa yimizimba yeemazi zabafazi, hayi amazibulakazi. Kanti yena untunjana ngumntwana omithwe okokugqibela.


Ndima, D. D. "Izubulo noNtunjana'