Untunjana

Livela

Imvelaphi kantunjana[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Lithunjana likanina eli, kuba lo umntwana olithunjana umithwa ngumzimba owaluphalayo, omithi okokugqibela.

Ukwenzeka kukathunjana[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Eli thunjana sesasizalo kudala simitha abanye abantwana sade sancipha ngoku salithunjana ngenxa yokuba siwenza kokokugqibela lo msebenzi. untunjana umithelwa kuloo meko yalo mzimba ongasazukuvuma ukumitha kwakhona.

Wahluke ngantoni untunjana kwabanye abantwana?[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Apha ekudalweni kwakhe kukho iimpawu ezibonakalisa okokuba yena wondliwe ngohlobo olungafaniyo nabantakwabo. Abanye bona bavele izinto zisaxhaphakile. Athi ke yena kuba evele ezi zondlo sezibunqaba, ziqongqothelwe apha kuye zonke, abonakale egqibelele ngento yonke, eluncedo ngohlobo olusisimanga apha kweli khaya.

Ukuvalela untunjana ngaphandle kobomi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umntwana ongowokugqibela kunina ngenxa yokuba unina esuke waziyekela ukuzala lingekafiki ithuba lokufinyela kwethunjana lakhe, akabinazo iimpawu zikantunjana. Masithi mhlawumbi lo umfazi asuke ayekwagqirha aye kuzivala okanye acwangcise kuba esithi akafuni mntwana wumbi yena ngokwakhe. loo mntwana agqibele ngaye ukuzala usenokungabinazo iimpawu zikantunjana ingakumbi xa kuvalelwe umntwana obezakuba kho, kuba umzimba kanina ubungekaziqongqothi izondlo zawo apha kuye. Unina uyeke engekagqibi ukuzala.