Umtshato wesintu/umendo

NgokwesiNtu umtshato (umendo) wakha ubuhlobo phakathi kwemizi emibini ethi itshatise indoda nomfazi ngokwasentlalweni nangokwasemthethweni emveni kokuba elotyolwe ngeenkomo zasemzini wakhe eziquka nezinye iimpahla ezinexabiso ekuvenwe ngazo ngokwemvano yobulawu. Ubuhlobo obu buphakathi kwale mizi mibini bungunaphakade, kanti buye bomelezwe ngakumbi kukuzalwa kwabantwana. Ukusiwa komfazi emini ngamawabo esingela ikhaya lakhe apho ebephila ubomi benkosazana kumphakamisela kwiqondo lobukhosikazi apha emzini. Kulapho ke ayakubalasela khona ngesakhono sakhe sothando, nenkathalo, nangokukhuthala, ngentembeko nangobundlezana. Ngokomzekeliso lo mfazi usisikhukukazi esifudumeza umntwana, ixhego, mikhuhlane nani zinkedama zalo mzi khonukuze zizive zonelisekile.
ngaphambi kokuba kutshatwe, kuye kubekho iduli apho intombi leyo itshatiswayo ikhatshwa ngamanye abantombi kunye nabantakwabo ukuba iye emzini apho izkutsatela khona, kwalapha ithi yamkelwe kuloo mzi izothi yendele kuwo. emvakokuba intombi yendile, ikhaya liye liyokutshintsa umakoti impahla ezo ebezithengelwe emzini ngezo bazithengileyo bona. Oku akuthethi ukuba, akuthethi into yokuba uyaziyeka impahla ezo ebezinxityiswe emzini, nto nje uyatshintsa ngazo. umakoti uthi aziswe kwizinyanya zekhaya, ngokuthi axhelelwe igusha leyo ethi ibizwe nguba ngutsiki. Ngalendlela bayamomeleza, ngokuthi bamtyise unjeke. injeke lithumbu legusha leyo ixheliweyo, lithi libenenqatha elikhulu, lilo ke elingundoqo ekufundisei umfazi ukunyamezela kuba uye anyanzeliswe nangona sele edikiwe lilo. Lowo ngomfuziselo wokuba, nomendo ubuye afane nenqatha elo, kodwa inkunzi kukunyamezela.
Isalathiso
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- Ndima, D. D. (2013). Re-imagining and re-interpreting African jurisprudence under the South African Constitution (Doctoral dissertation, University of South Africa). Ifumaneka apha