IKomkhulu

Livela
eBeijing, ikomkhulu laseChina, lelona komkhulu sesona sixeko kwihlabathi.

IKomkhulu elisisixeko (okanye idolophu elikomkhulu okanye singathi nje ikomkhulu) sisixekokazi okanye yidolophu, ebekwe ngokomthetho okanye ngokomgaqo siseko, oko kusenziwa ngurhulumente wesizwe, okanye yindawo ethile yesizwe, njengaseburhulumenteni, kwiphondo okanye kwisizwe. Idla ngokusebenza njengendawo apho kubanjwa khona iindibano zaseburhulumenteni nalapho zikhoyo ii-ofisi zaseburhulumenteni. Uninzi lweenkokheli kunye nabasebenzi baseburhulumenteni basebenza kwikomkhulu ledolophu.   

Ubungakanani[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Iidolophu ezilikomkhulu zidla ngokuba yinxalenye yezona dolophu zinkulu kwiingingqi. Umzekelo, iMontevideo likomkhulu laseUruguay kwaye ikwayeyona dolophu inkulu. Ukuba idolophu elikomkhulu inkulu ingaphezulu kunedolophu yesibini kweso sizwe, njengeBangkok eThailand, ingathathwa njengedolophu eyinkokheli. 

Nangona kunjalo, ikomkhulu alisayikusoloko liyidolophu enkulu esizweni. Umzekelo, ikomkhulu laseIndiya yiNew Delhi, idolophu encinane kuneMumbai, eyona dolophu enkulu; nelikomkhulu lePakistan yiIslamabad, nekuyidolophu encinane kuneKarachi. Kananjalo, kumazwe ahlulwaluhlweyo nje ngamaZwe aManyeneyo, iidolophu ezilikomkhulu lezizwe ezimanyeneyo zidla ngokungabi zezona dolophu zinkulu okanye zidla ngokungabi zodolophu zinenyambalala yabantu.  Umzekelo, iAlbany likomkhulu leNew York, ingasiyo New York City.

 Kukho into engaqhelekanga eCanada; ikomkhulu lezizwe ezimanyeneyo, iOttawa, akuyodolophu inkulu kwiphondo layo. I-Ontario, ekuyiToronto. Kodwa kwenzekile okokuba iToronto ibe likomkhulu lephondo iOntario. ngale ndlela ke, iToronto ilikomkhulu iphinde ingabilokomkhulu, kuxhomekeke kwindlela oyibona ngayo, njengedolophu yesizwe okanye njengenxalenye yeendawo zesizwe. 

I-Nombolo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amanye amazwe anamakomkhulu amabini nangaphezulu, ubukhulu becala oko kwenzeka ukufezekisa iinjongo ezahlukeneyo, ezinje ngeBolivia, enamakomkhulu amabini (iSucre kunye neLa Paz); nomZantsi Afrika, enamakomkhulu amathathu (iPitoli, iKapa ne Blamfanteni). Amanye amazwe abona amakomkhulu awo njengamazwe uqobo, njengeMonaco, idolophu yaseVatican  kunye needolophu zakumazwe ngamazwe njengeSingapore.

Akusingawo onke amazwe anekomkhulu. I- Nauru lilizwe elinganakomkhulu. 

Indawo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amakomkhulu angakwiidolophu ebezisoloko zikhona kakade kuloo ndawo njengeLondon, iUnited Kingdom (kudla-dala kwiminyaka yeenkulungwane ezili-12), okanye iidolophu ezintsha zingakhiwa zenziwe amakomkhulu njengeCanberra, iAustralia, njengomhlaba olikomkhulu laseAustralia.

Amazwe angawatshintsha amakomkhulu awo ngalo lonke ixesha afuna ngalo. AmaZwe aManyeneyo ayekhe analo ikomkhulu lawo ePhiladelphia, kodwa lafuduselwa eWashington, D.C. ngo1800. Ngenxa yoku, idolophu isenokulahlekelwa linqanaba layo lobukomkhulu. Umzekelo,  oku kweenzeka eRio de Janeiro eBrazil, xa kwakusakhiwa iBrasilia phakathi kweminyaka ka-1956 no-1960.

Isihlalo sikarhulumente[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amazwe amaninzi lunezihlalo zikarhulumente kwiikomkhulu zeedolophu zawo, nangona ezinye zingenawo. IMalaysia inekomkhulu lawo eKuala Lumpur kodwa isihlalo sawo ngokwaseburhulumenteni sisePutrajaya. E-Netherlands, iAmsterdam likomkhulu, kodwa urhulumente useHague.

Jonga uludwe lwamakomkhulu amazwe ubone uludwe lweedolophu ezingamakomkhulu.