I-oxygen

Livela

I-Oxygen (O) yi-chemical element. Ngokwendalo, i-oxygen yi-gas engenambala nengenavumba. I-Oxygen yi-Ikhemikhali ebaluleke kakhulu kuba iyinxalenye yomoya ophefumlwa ngabantu ikwayinxalenye yamanzi aselwa ngabantu. Ngenxa yoku, i-oxygen ixhasa ubomi. Izinto ezininzi eziphilayo (kuquka abantu zifuna i-oxygenukuze ziphile nokuze ziphefumle, nangona isibayityhefu kwezindle iindlela ekuphilwa kuzo. Kwi-liquid state of matter, i-oxygen

Ukufumaneka kwe-oxygen[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

i-Oxygen yaqala yafunyanwa ngo-1772 ngu-Carl Wilhelm Scheele. Kwaza kwalandela uJoseph Priestley naye wayifumana kwiminyaka emibini emva koko waza yena wazisasaza kuqala ezi ndaba engekazisasazi yena uScheele. Le nto yenza okokuba abantu bacinge okokuba nguPriestley owayifumana kuqala i-oxygen. Igama elithi oxygen livela kumagama esiGrike: oxus (acid) naku gennan (ukuvelisa). I-Oxygen iza emhlabeni isuka kuzo zonke iindawo zehlabathi kwi-meteorites. Ikwafumaneka nakwii-minerals nakwizityalo ezikhula emhlabeni nakwezinye ii-planethi.

I-Oxygen kwindalo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Iqabaza lamanzi.

Amanzi ane-oxygen. Xa i-oxygen atom enye ithe yadibana nee-hydrogen atoms ezimbini, zenza i-Molecule yamanzi (akwabhalwa ngolu hlobo H2O). Laa manzi afuneka kuyo yonke into ephilayo ukuze ziphile.

I-Air nayo ine-oxygen. I-air yenziwe ngee-gases ezininzi eziye zangumxube. Imalunga nama-21% i-oxygen ekwi-air. I-Oxygen ibaluleke ngokukodwa kuba zonke izilwanyana zisebenzisa i-oxygen ukuze zifumane i-energy ekutyeni kwazo.

Ukuvuthiswa kokhuni ngematshisi.

Imisebenzi ye-oxygen[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

I-Oxygen ikwayiyo eyenza okokuba ukuvutha oku kwenzeke. Oku ke kuthiwa kukuvutha. Xa into ethile isitsha okanye ivutha, i-oxygen idibana nenye into ize ivelise ubushushu nokukhanya. Umzekelo, xa utshisa ukhuni, i-oxygen esemoyeni idibana nokhuni kutsho kwenzeke umlilo. Obu buchule be-oxygen bunemisebenzi emininzi. Kodwa, ikwenza okokuba i-oxygen ecocekileyo ibeyingozi. Ukuba i-oxygen ecocekileyo ikhe yachukumisa idangatye okanye yaqhwitha, isenokuvutha ize ke ngoko yenze umonakalo omkhulu. Ukuvutha kungasetyenziswa ngeendlela ezininzi. umzekelo, xa i-oxygen ithe yaxutywa ne-acetylene, ingadala ilangatye elitshisa kakhulu. Ilangatye elitshisayo lisetyenziswa xa ukutshiswa kwentsimbi Ilangatye elitshisayo lisetyenziswa ukutshiswa kwentsimbi, apho intsimbi ithi itshiswe iphinde inyibilikiswe. Kananjalo, i-oxygen isetyenziswa ukwenza ii-fuels ezinamandla, ezinokusetyenziswa kwii-rockets nakwii-jets.

i-Oxygen isenokusetyenziswa ukunyibilikisa i-metal esuka kw-iore.

I-Oxygen isetyenziswa ezibhedlele ukubulala ii-bacteria. ikwasetyenziswa xa isigulana siye sanetyhefu ye-carbon monoxide.

i-Oxygen isetyenziswa ukucoca amanzi ukuze sibe sisela amanzi akhuselekileyo.

Ukwenziwa kwe-gas[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

I-oxygen ecocekileyo ingaveliswa ngeendlela ngeendlela. ngokwendalo, izityalo zisebenzisa ukukhanya kwelanga xa zivelisa i-oxygen, i-carbon dioxide (enye i-gas) kunye namanzi. Le nkqubo ibizwa ngokuba yi-photosynthesis. Uninzi lwe-oxygen esemoyeni yenziwe nge-photosynthesis. I-Oxygen isenokwenziwa ngabantu, besebenzisa inkqubo ekuthiwa yi-electrolysis. Kule nkqubo, umbane ihamba ngamanzi. Zitsho iimolecules zamanzi ziqhekeke zikhuphe i-oxygen kunye ne-gesi i-hydrogen.

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Template:Periodic Table