I-organism

Livela


I-organism yinto ephilayo. Kulula ukuyibona into ephilayo, kodwa akulula kangako ukuyichaza. Izilwanyana nezityalo zizinto eziphilayo, ngokuqinisekileyo. Ii-Organisms zi-i-biotic, okanye kukuphila, okuyinxalenye ye-environment. Amatye nokukhanya kwelanga ziyinxalenye yezinto ezingaphiliyo kwi-environment.

I-oganisms ziphila ngezinto ezintlanu. Ziphila ngomoya, ngamanzi, ngezakhamzimba (ngokutya), ngamandla nangendawo yokuhlala. Nangona kunjalo, asinakuthi zonke izinto eziphilayo ziphila ngezi zinto ngexesha elinye. Ii-organisms ezininzi azidingi moya kwaphela.

Kufuneka unikwe ingqwalasela umcimbi wee-viruses. Akukabikho sivumelwano malunga sokokuba zithathwe njengezinto eziphilayo kusinina. Zenziwe ngeprotein ne-nucleic acid, kwaye ziyakhula, eyona nto ibalulekileyo. Kodwa zifumaneka zikwiimo ezimbini ezahlukeneyo. Imo yokuqala yile ingudomi ingasebenziyo. Enye ingaphakathi kwi-cell yezinye ii-organism eziphilayo. Ize ke ngoko i-virus ibenamandla amaninzi okuzandisa. Khawujonge iprogram yekhompyutha. Ith'izibenamandla isebenze ibe ivuliwe, kungenjalo, ayisebenzi tu. Kodwa nangona kunjalo iseyi-program.

Omnye umzekelo ngowe-spore, inqanaba lokusasazwa kweebacteria, neefungus okanye ezinye izityalo. Azisebenzi de zibe zikwimeko elungele oko. Zinazo zonke indawo ezisebenzayo apha kuzo zokwakha i-organism epheleleyo, kodwa iyavalwa okwexeshana.