Jump to content

Duncan Village

Livela

Idolophu yaseDuncan Village yasekwa ngo-1941. Yathiywa ngegama likaRhulumente-Jikelele weManyano yaseMzantsi Afrika ngelo xesha, uSir Patrick Duncan, owayejonge nokuvulwa kwendawo eyayibizwa ngokuba "yindawo yokuqeshisa" kwindawo ye-East Bank. Le dolophu yakhiwa ukuba isombulule ingxaki yezindlu eMonti ngasekupheleni kweminyaka yoo-1930 nasekuqaleni kweminyaka yoo-1940. Isigqibo sokuseka iDuncan Village sasisekelwe kwiingcebiso zeKhomishini yaseThornton ka-1937, isenzelwa ukusombulula ukuxinana kwabantu e-East Bank, eMonti. Ikomishini yacebisa ukwakhiwa kwendawo entsha kwenye ingingqi, ukuze yonke indawo iEast Bank nazo zonke izindlu zomthi nezentsimbi zichithwe kwaye kwakhiwe izindlu ezakhiwe "kwimigca yokucwangcisa idolophu". [1]

Impendulo kaMasipala waseMonti kwiingcebiso zekhomishini yayikukwakha iDuncan Village ngo-1941. Ngo-1944, izindlu ezingamakhulu amathandathu namashumi amabini anesibhozo(628) zazisele zigqityiwe kwilokishi entsha. Ngokuchanekileyo neengcebiso zeKhomishini yaseThornton, amatyotyombe awazange adilizwe eEast Bank. Abahlali bokuqala eZiphunzane yayingabasebenzi abamnyama baseMzantsi Afrika abavela kwiindawo zasemaphandleni ezijikeleze iMonti kunye nembinana yabantu yabantu abamnyama baseMzantsi Afrika ababezibona njengabemi baseMonti abahlala ezidolophini ngokupheleleyo abangenalo unxibelelwano neendawo zasemaphandleni. Ucoceko lwaba yingxaki eZiphunzane, Into engamandla yakukuba urhulumente wayesokola ukugcina izitalato zicocekile kunye nococeko luphelele. Le dolophu yayijongene nesifo esibi sesifo sephepha ngeminyaka yoo-1940. Ngo-1949 kwafumaniseka wonke umntwana wesithathu ozelwe kuloo ndawo wafa ngenxa yesi sifo. [1] Ukuze kujongwane nomba wokuxinana kwabantu kunye nobumdaka kwilokishi nakwiindawo ezingqongileyo, uMasipala waseMonti wakha iMdantsane ngo-1962. Phakathi kowama-1964 nowe-1983, abantu abangama-80 000 bafuduselwa eMdantsane besuka eDuncan Village. [2]

  1. 1 2 Ntsebeza, Lungisile (1993) "Youth in urban African townships,1945·1992:A Case Study of the East London Townships" University of KwaZulu Natal retrieved 17 October 2017 Cite error: Invalid <ref> tag; name "DuncanVillage2" defined multiple times with different content.
  2. ↑ Smith, David "The Apartheid City and Beyond: Urbanization and Social Change in South Africa" Routledge retrieved 17 October 2017