Desmond Tutu

Livela
UDesmond Tutu

{Nobelprize|Peace}}u-Archbishop Desmond Mpilo Tutu (owazalwa ngomhla wesixhenxe 7 kweyeDwarha ngo-1931 - NgoDisemba 26, 2021) litshalentliziyo laseMzantsi Afrika elilwela amalungelo abantu. Wathi wawonga ngembasa yoxolo ngo-1984 ngomsebenzi wakhe wokulwa ukucalucalulo eMzantsi Afrika. UnguArchBishop wokuqala uBishop omkhuluwamaTshetshi eKapa.

Ebutsheni bakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UTutu waazalelwa eKlerksdorp, eTransvaal. Wathi xa aneminyaka eyishumi nambini usapho lwakhe batutela eGoli.

Utata wakhe wayengu tishala umamakhe engumpheki kwiskolo sabantu abanga boniyo. Kulapho wadibana nomPriest uTrevor Huddleston eSophiatown. Uthi wothuka xa wabona umlungu ebulisa wakhe ngo khulula umnqwazi wakhe ebulisa umama wakhe olibhinqa womntu omnyama

Wayengumntu owayenqwenela ukuba ngugqirha esemncinci. Baza ke abazali bakhe boyiswa kukungabinazintsiba abakwazi ukumsa kwisikolo sokufundela ubugqurha, waza ke okaTutu wafunda kwikholeji i-Pretoria Bantu Normal watsho wangutitshala. Waafundisa kwisikolo semfundo ephakamileyo i"Johannesburg Bantu High" nakwisikolo i"Munsienville High" kwisixeko saseMogale.Wayeka ubutishala emva kwoku zizwa umtheto owaziwa njenge Bantu Education Act eqanqalazela imfundiso yabantu abamnyama base Mzantsi-Afrika. Waqhubeka ke kwizifundo zobufundisi ePeter's Theological College kwindawu yase Rosettenville, ngeyuoMnga (December) ka 1961 walawulwa ukuba ngumPriest kwiTshetshi elandela isikhokheli sakhe, uTrevor

Ngobomi bakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

OkaTutu wathi wazimanya ngeqhina lomtshato noNomalizo Leah Shenxane ngomhla wesibini Wekhala (July) ngo-1955. Banabantwana ababane: Trevor Thamsanqa Tutu, Theresa Thandeka Tutu, Naomi Nontombi Tutu and Mpho Andrea Tutu,bonke bafunda kwiskolo iWaterford Kamhlaba saseSwaziland. Ngo-1975 waafudukela kwindlu eyaziwa ngoku njenge Tutu House eSoweto. Kwinginqi apho uNelson Mandela's naye wayehlala khona. Wahlala apho nosapho lwakhe istrato iVilakazi siso sodwa kwilizwe jikelele apho abantu abazuza imbhaso yeNobel Prize ababini.