Zondeni Sobukwe

Livela

IGAMA: Zondeni Veronica Sobukwe

UMHLA WOKUZALWA: 28 kweyeKhala 1927

INDAWO YOKUZALWA: Hlobane, KwaZulu Natal

UMSEBENZI: Itshantliziyo lezopolitiko, kunye nomongikazi

UMHLA WOKUSWELEKA: 15 kweyeThupha 2018

INDAWO: Graaff Reinet eMpuma Koloni

UZondeni Veronica Sobukwe wazalwa ngomhla wama 27 kweyeKhala 1927, ezalelwa eHlobane, KwaZulu Natal eMzantsi Afrika. UNskz Sobukwe waqeqeshelwa ubumongikazi eVictoria Hospital eLovedale eMpuma Koloni nalapho amanesi awayesebenza apho ayekwingxabano nabaphathi besisibhedlele. UNskz Sobukwe wayengomnye wababekhokhela uqhanqalazo xa uMnu Robert Sobukwe eqala ukudibana naye.

Ngenxa yokubandakanyeka kwakhe koluqhanqalazo, wagxothwa eLovedale college waze emva koko waya eRhawutini ethunyelwa ngumbutho wolutsha weANC waseFort Hare ukuba ase imbalelwano kuWalter Sisulu emazisa ngoqhanqalazo loonesi.


Ubudlelwane bakhe no Robert Sobukwe baya bukhula de ngomhla wesi 6 kweyeSilimela 1954 bazimanya ngeqhina lomtshato, balizwa ngabantwana abane amagama ango Miliswa,

Dinilesizwe, Dalindyebo Kunye noDedanizizwe. URobert Sobukwe wayengumseki nomongameli wePan Africanist Congress (PAC).

UNskz Sobukwe owaziwa ngabamthandayo uMama weAzania (Mother of Azania) wadlala indima enkulu kumzabalazo, ngonyaka ka 2003 wawongwa yimbongi uEskia Mphahlele ngombongo othi "tribute to Zodwa Veronica, A great woman"

Njengenkosikazi, umongikazi kunye netshantliziyo, wabhala imbalelwano eziliqela ecela umhlangano neziphatha mandla malunga neemeko ezazingqonge umyeni wakhe owaye valelwe eRobben Island. Wayefuna umphathiswa wezobulungiswa worhulumente wengcinezelo uJimmy Kruger akhulule umyeni wakhe kwaye banikwe yena nosapho lwakhe imvume yokushiya uMzantsi Afrika, kodwa ezo nzame zawela phantsi.

Ngonyaka ka -1997 wavela phambi kwekomishoni yoxolo noxolelwaniso (Truth and Reconciliation Committee) efuna ukufumana inyani ngento eyabangela ukusweleka komyeni wakhe. Kwakule komishoni wadandalazisa indlela embi awayephethwe ngayo umyeni wakhe eziseleni. Wanyanzelisa ukuba oogqirha nabasebenzi ababegcine umyeni wakhe nekwakurhaneleka uku bafaka iingceba ezophukileyo ekutyeni kwakhe mabavele bachaze konke oko ngaphambi kokuba baxolelwe.

Urhulumente woMzantsi Afrika wawonga umama uSobukwe nge-Order of luthuli ngenyanga kaTshazimpuzi 2018 ewongwa ngokulwela inkululeko kunye nokubonakalisa inkxaso kwabo babelwela inkululeko nababevalelwe.

UNskz Zondeni Zodwa Veronica Sobukwe usweleke ngomhla we 15 August 2018 eGraaf Reinet emva kwengulo ende eneminyaka engama-91.

REFERENCES[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

• https://culture-review.com/2017/07/27/zondeni-veronica-sobukwe-90-years-of-struggle-suffering-sacrifice/ [Accessed on 15 September 2017]

•  'Tell your husband that we will expropriate land' - Tributes for Robert Sobukwe's widow‚ Zondeni from Sowetanlive, online. Available at https://www.sowetanlive.co.za/news/south-africa/2018-08-15-tell-your-husband-that-we-will-expropriate-land-tributes-for-robert-sobukwes-widow-zondeni/

•  Ndaba, B. and Molosankwe, B. (2018). Who was Zondeni Veronica Sobukwe? , from The Star online. Available at https://www.iol.co.za/the-star/who-was-zondeni-veronica-sobukwe-1657532

• Testimony of Zondeni Veronica Sobukwe to the Truth and Reconciliation Commission 1997https://docs.google.com/document/d/1IzNZlLxZ6FhxhlRunN2ToKiS6DZCQ3GHI29q...

• Zondeni Sobukwe: 90 years of struggle, suffering and sacrifice https://www.pambazuka.org/gender-minorities/zondeni-veronica-sobukwe-90-...