Zenzile Miriam Makeba

Livela
Zenzile Miriam Makeba
Miriam Makeba (1968)

(Zenzile) Miriam Makeba (* 4.03.1932, iRhawutini, uMzantsi Afrika – † 10.11.2008, Castel Volturno, Ithali) – umculi zesiMzantsi Afrika.

uMiriam Makeba yivumi yaseMzantsi Afrika waziwa ngokuba ngumama Afrka ngabaninzi. Wazalelwa eProspect Township, EGoli. Uye wasutywa kukufa emveni kokugula ngomhla we-9 novemba 2008. Waye gqwesile kwicala lomculo. Ngonyaka wama60 waye yivumi yokuqala apha kweli lo Mzantsi Afrika ukwazisa umculo waseMzantsi kwilizwe lonke. Waziwa kakhulu ngengoma yakhe "Pata pata" eyaqalwa ukushicilelwa ngonyaka ka-1957. Waye tshicilela ingoma zakhe kunye nezinye iivumi ezingosaziwayo ezifana no Harry Belafonte, Paul Simon, kanye no Hugh Masekela owayengumyeni wakhe. Umama Afrika waye yenye yeevumi ezazixhasene neegcinezelo wayekubonisa ke oko nakwingoma zakhe nto leyo yamenza walishiya elokuzalwa waya kwelinye ilizwe. Kodwa ke ngonyaka ka 1990 uye waphinda wabuyela ekhaya. Uthe wahlaselwa yintliziyo wasutywa kukufa kwa oko emveni kokucula kwikonsati eyayise lizweni lase itali. UMiriam wathi walahlekelwa ngutata ngokuthi asutywe kukufa xa wena uMiriam waye neminyaka nje eyisithandathu kuphela. Utata wakhe ke waye ngumxhosa, yena umama wakhe wayesisangoma somSwazi. Wathi uMiriam xa eneminyaka eliyishumi elinesibhozo umama wakhe wabanjwa ngexa yokuthengisa umqobhothi, utywala besintu obenziwa ngento ebizwa ngoba yinkoduso.

Umama ka Miriam wagwetywa iinyanga ezintandathu ese tilogweni, ngoko ke no Miriam wachitha ezonyanga esentilogweni, ebuntwaneni bakhe uMiriam uye wacula kwenye ikwayara wase Kilmerton training Istitution ePitoli, kwisikolo sama banga aphantsi aweye funde kuso iminyaka eSibhozo. Impumelelo eyamenza wagqama ngakumbi yeyokuba wayesoloko ezithanda enguye nje engaziqabi nangee "make up" xa ezokucula eqongeni.[1]

  1. https://www.sahistory.org.za/people/miriam-makeba