Zenzile Miriam Makeba


(Zenzile) Miriam Makeba (* 04.03.1932, eRhawutini, uMzantsi Afrika – † 10.11.2008, Castel Volturno, Ithali) – umculi waseMzantsi Afrika.
uMiriam Makeba yivumi yaseMzantsi Afrika waziwa ngokuba ngumama Afrka ngabaninzi. Wazalelwa eProspect Township, EGoli. Uye wasutywa kukufa emveni kokugula ngomhla we-9 novemba 2008. Waye gqwesile kwicala lomculo. Ngonyaka wama60 waye yivumi yokuqala apha kweli lo Mzantsi Afrika ukwazisa umculo waseMzantsi kwilizwe lonke. Waziwa kakhulu ngengoma yakhe "Pata pata" eyaqala ukutshicilelwa ngonyaka ka-1957. Waye tshicilela ingoma zakhe kunye nezinye iimvumi ezingosaziwayo ezifana no Harry Belafonte, Paul Simon, kunye no Hugh Masekela owayengumyeni wakhe. Umama Afrika waye yenye yeemvumi ezazichasene neegcinezelo wayekubonisa ke oko nakwiingoma zakhe nto leyo yamenza walishiya elokuzalwa waya kwelinye ilizwe. Kodwa ke ngonyaka ka 1990 uye waphinda wabuyela ekhaya. Uthe wahlaselwa yintliziyo wasutywa kukufa emveni kokucula kwikonsati eyayise lizweni lase itali. UMiriam wathi walahlekelwa ngutata wakhe ngokuthi asutywe kukufa xa yena uMiriam waye neminyaka nje esisithandathu kuphela. Utata wakhe ke waye ngumxhosa, yena umama wakhe wayesisangoma somSwazi. Wathi uMiriam xa eneminyaka elishumi elinesibhozo umama wakhe wabanjwa ngenxa yokuthengisa umqombothi, utywala besintu obenziwa ngento ebizwa ngokuba yinkoduso.
Umama ka Miriam wagwetywa iinyanga ezintandathu ese ntilogweni, ngoko ke no Miriam wachitha ezonyanga esentilogweni, ebuntwaneni bakhe uMiriam uye wacula kwenye ikwayara yase Kilmerton training Institution ePitoli, kwisikolo sama banga aphantsi awaye funde kuso iminyaka esisibhozo. Impumelelo eyamenza wagqama ngakumbi yeyokuba wayesoloko ezithanda enguye nje engaziqabi nangee "make up" xa ezokucula eqongeni.[1]