U-Ngubengcuka

Livela

Aa!! Ngubengcuka!, ukhokho kaRholihlahla.

UNgubengcuka wazalwa ngomhla we-10 ku-Agasti ngomnyaka ka1790 waza wasutywa kukufa ngo1830. Umntwan'omhle lo wayeyikumkani yabaThembu kumzantsi wengingqi yaseTranskei emZantsi Afrika. Wayesaziwa ngokuba yiNkosi eNkulu, eyasimanya sonke isizwe sabaThembu phambi kokuba sibe sisigculelo sobukoloni bamaNgesi aseBritane. Wayesaziwa ngokuphelisa ubukumkani baseNtshona obathi bafika ekugqibeleni.

U-Ngubengcuka wayenabafazi kuNdlu-nkulu, ngasekunene, nowaseXhibeni owayengowendlu encinci indlu yasekhohlo ke ngamanye amazwi. Inkulu yakhe ke yabanguMthikrakra, waza yena uMthikrakra waba nabafazi abahlanu. Apha esintwini indlu nganye (Oko ukuthi, umzi womfazi ngamnye) inomsebenzi wayo. Mandenze umzekelo ngesandla neminwe yaso. Ukuze ubhale kakuhle, awuyisebenzi yonke iminwe xa ubamba usiba, ingakumbi xa sele ubhala. Kukho le ihlalele ukusetyenziswa xa kubhalwa. Kodwa nale ingenamsebenzi wakubhala ibaluleke kakhulu xa kusenziwa eminye. Nanku umzekelo, ungayibamba intambo ngaphendle kokusebenzisa ubhontsi, kodwa akunakuyibamba kakuhle uyisebenzise inaliti ngaphandle kobhontsi. Mininzi imizekelo esingeza nayo elolu hlobo. Ngokunjalo ke nakubafazi beenkosi, eyona njongo yokuba naba bafazi kukwakha indlu yasebukhosini kubanjiswene, kungaliwa. Uthi umfo kaNdima, 'Asingeke siqiniseke okokuba ukuba uNgubengcuka lo wayengazange abe nalo iXhiba (umfazi wesihlanu ngokwale meko ikhoyo ngoku yokubala abafazi), okanye wayenomfazi omnye kuphela, ngewayekho umntu ekuthiwa nguNelson Rholihlahla Mandela.