Imela

Livela
Imela encinane yasekhitshini 

Imela sisixhobo senkcenkce okanye se-metal esitshwezwe sabukhali nesisetyenziswa ukuze sisike yonke into emelwe kukusikwa.  Isininzi segama elithi "imela" lithi "iimela."

Iintlobo-ntlobo zeemela[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Iimela zokupheka nezasekhitshini:  azaziwa ngokuba ziimela zabapheki. Iqela leemela lisetyenziswa xa kuphekwa. Imela zekhitshi zitshwezwa zibetsolo zikwabanjwa ngesibambo esenziwe ngokhuni okanye ngeplastiki kwaye zisetyenziswa xa kunqunqwa ukutya nenyama ezakuphekwa. 
  • Table knives: These knives are used to cut up food for eating. Some table knives are sharper than others, but none are as sharp as kitchen knives. Steak knives are sharper because they need to cut steak. Fish knives and butter knives are also used at the table and have rounded blades that are not so sharp.
  • Iimela zokuzingela zisetyenziswa xa kuthalwa izilwanyana. 
  • Iimela zokuloba azisetyenziswa xa kunqunyulwa iintlanzi ezivulekileyo. 
  • Iimela zokwakha zisetyenziswa xa kunqunyulwa imida yomgangatho, ikhaphethi, i-insulation, ne-plastic sheathing.

Ukukhetha uhlobo lwemela olululo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Zininzi iintlobo zeemela, kuxhomekeke ekubeni yintoni ekufuneka inqunyulwe. Ngemela eluhlobo olulungileyo, loo nto uyisikayo iyakusikeka ngokukhawuleza kunjalo nje isikeke lula. Ngemela engalungelanga kusika, kuyakukuthatha imizamo emininzi ukwenza lo msebenzi. Xa incinane kakhulu imela kuloo nto kufuneka isikiwe, isarha, izembe, okanye isixhobo esinamandla singafuneka. 

Iintlobo zeemela ezingekho mthethweni [tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukuphatha iimela kululwaphulo-mthetho kumazwe amaninzi, ingakumbi ukuba le ndawo kusikwa ngayo inde kune- inches eziliqela. olunye uhlobo lwemela oluchasene nomthetho kwiindawo ezininzi y"i-switchblade", imela eneqhosha elithi lisakucofwa kutsho kuchukumiseke i-springi ukuze kuvuleke imela. 

Amanye amaphela anxulumene nala[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]