IBhayi

Livela
iBhayi

iBhayi (IsiNgesi: Port Elizabeth) yidolophu eMzantsi Afrika, imi kwiPhondo laseMpuma Koloni, kumgama ongangama 770 yeekhilomitha (478 i-mile) ngasempumalanga kwiKapa. Isixeko esisoloko sishwankathelwa njengePE yaye iteketiswa ngokuba "ISixeko esinoBubele" okanye "ISixeko soMoya oVuthuzayo, sinaba kangange 16 yeekhilomitha kufutshane kwi-Algoa Bay, yaye yenye yeendawo ezimandla eMzantsi Afrika yokuma kweenqanawa. Ikwabizwa njengeKomkhulu loMdlalo waseManzini kwi-Afrika yonke.

IBhayi laqanjwa njengedolophu ngo1820 ukuze kuhlaliswe amaSetlane aseBritane njengendlela yokuqinisa ingingqi ekummandla ophakathi kweKoloni namaXhosa. Ngoku yakha inxenye yoMasipala iNelson Mandela Bay Metropolitan Municipality enabantu abahlalayo abali-1.3 yezigidi zamawaka.

Ukusukela ngoFebruwari 2021, igama likaGqeberha, elivela kwigama lesiXhosa kwilokishi yaseWalmer, lenziwe labhengezwa ngurhulumente woMzantsi Afrika ukuba anyule isixeko saseBhayi.

Umlando[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]