I-arithmetic

Livela

I-Arithmetic ligama elisetyenziswa xa kusetyenzwa ngamanani. Ikwayinxalenye ye-mathematics. Iindlela ezine zokuqala zokusebenza kwe-arithmetic nazi: akukudibanisa okanye ukongeza,  ukuthabatha okanye ukuphungula, ukuphinda-phinda inani lento ngenani, kwanokwa-hlula-hlula.

I-Harder arithmetic iquka ukusebenza ngamanani aphawulweyo, ii-fractions, kwakunye nee-decimals, kwanokuthatha ii- powers nee-roots.

Abantu abaninzi bafunda i-arithmetic kwisikolo samabanga aphantsi, kodwa abanye abantu abayifundi i-arithmetic abanye bayayilibala i-arithmetic abayifundayo. Imisebenzi ifuna ulwazi lwe-arithmetic, kwaye abaqeshi abaninzi bakhala ngelithi kunzima ukufumana abantu abayazi ngokwaneleyo i-arithmetic. Imisebenzi embalwa efuna i-arithmetic iquka ii-carpenters, ii-plumbers, ii-auto mechanics, ii-accountants, ii-architects, oogqirha, kunye namanesi.  I-arithmetic ifuneka kuzo zonke iziphaluka ze-mathematics, i-science, nenjineli.

I-calculator isengasetyenziswa ukwenza i-arithmetic. Iikhompyutha isenokubala lula, nekusesinye sezizathu izamkeli ze-Global Positioning System zinekhompyutha encinane ngaphakathi kuzo.  

Imizekelo ye-arithmetic[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • 2 + 3 = 5 (ukudibanisa okanye ukongeza kuyi-commutative: u2 + 3 uyinto enye no-3 + 2)
  • 7 - 5 = 2 (ukuthabatha okanye ukuphungula akukho-commutative: 7 - 5 wahlukile ku5 - 7)
  • 3 * 4 = 12 (ukuphinda-phinda ku-commutative: 3 * 4 uyinto enye no-4 * 3)
  • 6 / 2 = 3 (ukwahlula-hlula akukho-commutative: 6 / 2 wahlukile ku-2 / 6)