I-Variable

Livela

I-variable luhlobo olulodwa lwesixa okanye lwenani lezinto elixabiso lalo lingaziwayo. Ii-variables zisoloko zisetyenziswa kwi-programming yeecompyutha okanye nakwii-equations zemathematika.  

Inani elifana no-5 okanye u-200 alinakulitshintsha ixabiso lalo.  Umzekelo, ukuba umntu umi kumgama oziinyawo ezi-5 kude nesakhiwo esithile,  umgama wevariable xa uthelekiswa nowesakhiwo  awunakutshintsha ekuhambeni kwexesha. Iinyawo ezi-5 kuthiwa xa zibizwa zisisixa esidibeneyo (ziyifixed amount), sibe ke eso sixa sichasene nesevariable (variable amount).  

Kodwa ukuba umntu uyahamba aye ebhekela kwisakhiwo amele kude kuso, umgama we-variable xa uthelekiswa nowesakhiwo uyanda ngokuya ebhekela ngokubhekela.  Ngoko ke ayinaxabiso linye lifanayo nelimi limi,  kwaye asinakusebenzisa inani elilixabiso elifanayo, singenakho nokusebenzisa inani elinye elifanayo ngalo mgama, njengoko umgama usenokuba lunyawo olu-1 ngoku sithethayo, ngomzuzwana nje ube ziinyawo ezi-2.  Kwamathematika, ivariable inikwa unobumba okana no-x okanye u-y.

Kwezinye ii-eequations, ii-variables zisetyenziswa ukubonisa amanani angaziwayo.  Kusetyenziswa uhlobo lwemathematika ekuthiwa yi-algebra, umntu ke angalifumana ixabiso le-variable.

Kwacomputer science, i-variable akunyanzelekanga okokuba i-variable ibelinani - isenokuba lixabiso lamagama abhaliweyo, okanye umhla, okanye ixabiso lemali, okanye into efana nomfanekiso.