Yinyama yamakhwenkwe

Livela

Inyama yamakhwenkwe - Umzi ontsundu ngumzi ohloniphayo. Kungoko nalapha esiXhoseni kukho amagama amaninzi asetyenziselwa ukuhlonipha.

Kukho isifo sodakada esithe kuba sisoyikeka kakhulu sada sabuhlonitshwa, sangathiwa pahaha ngegama, kwangathi kungathi ukuba sikhe sabizwa ngegama, sibahlasele kakhulu abantu. Igama lesi sifo lubende. Eli ke akulo qhalo, sisikweko esisetyenziswa njengesihloniphayo. Kunje ngokuba esithi umntu akuhliwa yigcutshuwa, kuthiwe, udliwe ngumlambo, unehashe elingwevu, kube ukwenjenjalo kunxwenywa ububi nobuhlazo obukwesi sifo.

Yinyama yamakhwenkwe Insingiselo: yinto okanye umntu osi'sulu