Umlenze

Livela
Umlenze

Umlenze yinto esetyenziselwa ukuxhasa izinto; ukuzibamba zingawi. Iintaka kunye nabantu zinemilenze emibini. Ezinye izinto,yimilenze.   umzekelo, iitafile nezitulo, nazo zixhaswa yimilenze.  

Imilenze, kuchotshwa ngayo.

Izikwanyana zona zidla ngokuba nemilenze emi-2 nemi-4 (izilwanyana ezizii-vertabrates, zaziwa njengezilwanya ezinethambo lomqolo), okanye 6, 8, okanye 12 (ii-arthropods, umzekelo ziizinambuzane kunye nezigcawu). Ii-Centipedes kunye nee-millipedes zinothotho lwemilenze emininzi, kodwa ke ayide ibengamakhulukhulu okanye amawaka emilenze njengoko amagama azo esenza okokuba abantu abangazaziyo ezi zilwanyana bacinge okokuba kunjalo. Abantu bona banemilenze emi-2, ethi iphelele yakuba neenyawo. 

i-Biped sisilwanyana esinemilenze emibini ize yona i-quadruped ibe sisilwanyana esinemilenze emine. 

Abantu abantetho isisiNgesi basebebzisa igama elithi "mlenze" kwizafobe, umzekelo:

  • awunamlenze wakuma (oko kuthetha okokuba "awunankxaso; awunanxaxheba kule ngxoxo")
  • ukuyibeka ngomlenze (ukubaleka)
  • ukutsala omnye umntu ngomlenze (ukumqhula ngenjongo zokudlala ngokuthi ubonise okokuba kukho into engenabunyani)