Umhlaba
Umhlaba (ngamanye amaxesha ubizwa ngokuba kukungcola) ngumxube wamatye, iziqendwana zeeminerali, izinto zendalo (eziphilayo nezingaphiliyo), amanzi, kunye nomoya. Ubukhulu becala umhlaba wenziwe ngeenkozwana zamatye athe angqubana entlitheka ngenxa yezivungu-vungu zomoya ovuthuzayo, izandyondyo zemvula, ilanga, ikhephu, njalo-njalo, noqhekeko lwamatye. Uhlobo lomhlaba luluxhomekeke kumxube wamatye aqhekekileyo nakubungakanani beenkozo zamatye. Iinkozo zingancinane kakhulu kunjalo nje zibebuthelezi, njengodongwe, okanye zingankulu ngaphezu kokuba zinkulu kakade, njengeenkozo zentlabathi okanye zisenokuba njengeengqalutye zamatye, [1] Imihlaba ibaluleke kakhulu kwindlela izinto zendalo ezinxibelelana ngayo ngenxa yezi zizathu zintandathu: okokuqala, imihlaba yindawo apho zikhula khona izityalo; okwesibini, imihlaba ilawula isantya nokucoceka kwamanzi ahamba kuwo; okwesithathu, imihlaba ihlaziya iityuwa ezisuka kwizilwanyana nezityalo ezifileyo; okwesine, imihlaba itshintsha umoya ojikeleze umhlaba, obizwa ngokuba yi-atmosphere; okwesihlanu, imihlaba yindawo ekuhlala kuyo izilwanyana, izinambuzane, kunye nezinto eziphilayo ezincinane kakhulu ekuthiwa ziimicroorganisms; okwesithandathu, imihlaba zezona zixhobo zidala ezisetyenziswa ukwakha izakhiwo. [2] Imozulu ibaluleke kakhulu xa kusenzeka umhlaba. Umhlaba ovela kwiimozulu ngeemozulu unganezakhiwo ezahlukeneyo izakhiwo ngokwahlukana kweentlobo zomhlaba apho usuka khona. [3]
Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
- ↑ Learn Science, intermediate, grades 5 to 6 by Mike Evans and Linda Ellis
- ↑ Brady and Weil; The Nature and Properties of Soils, 14th ed. 2008.
- ↑ Template:Citation