UmGaqo-siseko wasemZantsi Afrika

Livela

Yintoni umGaqo-siseko? UmGaqo-siseko weli lasemZantsi afrika ngumthetho owongameleyo kweli lizwe. Unika isiseko somthetho ngobukho bale riphabhlikhi yasemZantsi afrika, iwabeka acace gca amalungelo nekulindeleke ukuba kwenziwe ngabemi beli, ize icacise ngokupheleleyo indlela ame ngayo urhulumente weli lizwe. Lo mGaqo siseko ukhoyo usisikhokhelo sesihlanu kurhulumente wasemZantsi Afrika, nowathi waqhulunkqwa ePalamente eyonyulwa ngo-1994, unyulo lokuqala olubandakanya zonke iintlanga zeli lizwe. Lo mGaqo-siseko wabhengezwa nguMongameli uNelson Mandela ngomhla we-10 kuDisemba (kweyoMnga)ka-1996, waza waqala ukusebenza ngomhla wesi-4 kuFebhuwari (kweyoMdumba) ngo-1997. lo mGaqo-siseko wathi wathatha indawo yomGaqo-nkqubo wethutyana (interim Constitution) eyamiswa ngomnyaka ka-1993.

Amagama axhaphakileyo kumGaqo-siseko[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]