Ukwaba/ukwahlula-hlula

Livela

Kwimathematika, igama "division" lithetha isenzo esintsingiselo yaso ichaseneyo naleyo yokuphinda-phinda. Uphawu lokwahlulahlula okanye loku-divid-a lungangumgcana okhombe phantsi naphezulu nobizwa ngokuba si- slash, umgca, okanye uphawu lokwahlula-hlula ongulo (), njengakulo mzekelo:

   or       or   

Umzekelo ngamnye kule mizekelo mithathu,  uthetha ukuthi "u-6 xa ehlulwa-hlulwa ka-3" sifumana isiphumo esingu-2. Inanani  lokuqala kwezi nombolo libizwa ngokuba yi-dividend (6), lize elesibini libizwe ngokuba yi-divisor (3). Inani elisisiphumo nelilelesithathu kula manani libizwa ngokuba y-i-quotient. Amanani apheleleyo, nasiphi   isixa senani esiphokelayo kwinani elipheleleyo sibizwa ngokuba y-"intsalela" (njengaku-14/4 sifumana u-3 olinani elipheleleyo kodwa kubekho inani eliphokela ngalo elingu-2, njengenani elingu-3+24, kananjalo naku-3+12 okanye ku-3.5).

amanani asenokubamakhulu kakhulu, njengenani elingamakhulu amabini: 200/5 = 40, okanye libe izigidi-gidi :ezisi-7  7,000,000,000 / 1000 = 7,000,000 (lilingana nesi-7 sezigidi).

Xa sithetha ngophinda-phindo lwamanani[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukuba u-c uphinda-phindwa ngo-b ulingana no-a, ubhalwa nngolu hlobo:

apho u-b angengo-zero, ngoko ke u-a owahlulwe ngo-b ulingana no-c, ubhalwa ngolu hlobo:

Umzekelo,

kuba

.

Kule ntetho ingasentla, u-a ubizwa ngokuba yidividend, u-b abeyi-divisor aze u-c abeyi-quotient.

Ukwahlula-hlula ngo-zero

...ayichazeki.

I-Notation[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukwahlula-hlula kusoloko kubonakaliswa ngokubeka i-dividend ngaphezulu kwe-divisor zize zahlulwe ngomgca o-horizontal,nawo ubizwa ngokuba yi-vinculum, phakathi kwazo. Umzekelo, u- a owahlulwahlulwe ngo-b ubhalwa ngolu hlobo:

Oku kungafundwa ngokuvakalayo atsho eve nomameleyo ngolu hlobo "u-a xa esahlulwa ngo-b" okanye "u-a ephezu ko-b". indlela yokuchaza kuvokotheke ngokwahlula okanye ngokwaba ngomgca nje omnye kuophela kuxa kubhalwa i-dividend, ize emva koko kubhalwe umgca okekelele ngasekunene i-slash, ngaphantsi kwawo ibe yi-divisor, ngolu hlobo:

Le yindlela eqhelekileyo yokucacisa ngokwahlula-hlula (ukwaba okanye i-division) kw-ii-lwimi ze-programming seyenziwa ngekhompyutha kuba isenokuchwethezwa lula njengeempawu ezilandelelana ngokuqhelekileyo. 

I-typographical variation ephakathi kwezi ndlela zimbini isebenzisa i-slash kodwa inyusela elevates i-dividend, ize yehlisele i- divisor:

ab .

Nayiphi na indlela kwezi zimbini ingasetyenziswa ukubonisa i-fraction. I-fraction yintetho esetyenziswa ukubeka i-division apho i-dividend kunye ne-divisor zizi-integers (nangona zaziwa ngokuba ziyi- numerator ne-denominator). I-fraction yindlela eyamkelekileyo yokubhala amanani.  Akunto isoloko ilindelekile ukubhalwa nge-decimal kwesiphumo esivela xa kusabiwa okanye xa kusahlula-hlulwa. 

Eyona ndlela ingaxhaphakanga kuyaphi ukubonisa i-division (ukwaba okanye ukwahlula-hlula) kukusebenzisa i-obelus (okanye uphawu lwe-division) ngale ndlela:

Kodwa kwizibalo zamabanga okuqala okanye aphantsi, olu phawu lusetyenziswa rhoqo.  I-obelus ikwasetyenziswa iyodwa ukuze imele ukusebenza kwe-division, njengakwi-label kwi-key ye-calculator.

Kwezinye iintlanga ezingathethi siNgesi, u-"a owahlulwe ngo-b" ubhalwa ngolu hlobo a : b. Nangona kunjalo, ngokwentetho yesiNgesi i- colon iphelela ekubizeni amagama anxulumene nee-ratios (u-a:b ubizwa ngokuba ngu-"a is to b").

amaphepha anxulumene neli [tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Divisor, another meaning as a number which evenly divides an amount
  • Division by two
  • Remainder

Other websites[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]