Ukuphefumla

Livela

Ukuphefumla kuxa umoya ungena uphuma emiphungeni, okanye i-oxygen xa ihamba ngezinye ii-respiratory organs ezifana nee-gills. Kwii-organisms ezinemiphunga, ukuphefumla kuthiwa yi-ventilation, ezibandakanya zombini i-inhalation ne-exhalation. Ukuphefumla kulelinye lamalungu e- physiological respiration efunekayo ukuze kugcinwe ubomi. [1]

Ii-Aerobic organisms zeentaka, izilwanyana ezanyisayo, kunye nezirhubuluzayo – zifuna i-oxygen ukuze zikwazi ukukhulula i-energy eyakuthi ihambe nge-cellular respiration, ngenkqubo ekuthiwa yi-metabolism ye-energy-rich molecules njenge-glucose. Ukuphefumla yenye yeendlela zokuzisa i-oxygen apho ifuneka khona emzimbeni kuze kususe ne- carbon dioxide.

  1. Peter Raven, George Johnson, Kenneth Mason, Jonathan Losos, Susan Singer (2007) "The capture of oxygen: Respiration" Biology (8 ed.) McGraw-Hill Science/Engineering/Math; ISBN 0-07-322739-0