Ukufika kweLizwi kwaXhosa

Livela

Ngokubhalwa ngu-John M. Vimbe

Ndivuyiswa lixesha lokuvela kwam kweli lizwe, kuba ethe uMnini-Ntozonke ukundibumba kwakhe wandibumba ngexesha lokuthumela kwakhe iLizwi lakhe ezweni lakowethu. Ekuthe ke ekufikeni kwalo nabafundisi aza amakhosi ethu alamkela; ndithi ke ndiyinkwenkwe, bekuthe ngaphambi kokufika komfundisi lowo kwavuka uNxele umfo ka[[uBhalala}Bhalala]], noGaba umfo kaNtsikana; kwabe ikukuqala kokubona kwam iLizwe, endicinga ukuba iminyaka yobuprofethi baloo madoda, kususela ku-1816 kuze kulo we-1905, oko kuthetha okokuba ayenamashumi asibhozo anethoba, 89, engabaprofethi loo madoda. Umfundisi wokuqala ayesithi amadoda ngu-Sodyoyi, wafika wakha kwaSihota. Emva kwakhe kwafika uRev. John Brownlee ngo-1820. Mandingene ekuqaleni kwa ukuliva iLizwi. Kwaafika uNtsikana evela eGqorha. Waafika wema kwaMankazana. Waandiqhelisa uMa ukuya nam ecaweni, ngeCawa kwaNtsikana. ITyalike kaNtsikana ibisenzelwa ngaphantsi komqonchi, izitulo ingamatye. Ngelo xesha ekuboneni kwam, sasingathi sintanganye noDukwana, uKobe emkhulu kuthi. Akahlalanga kakhulu uNtsikana kwaMankazana. Kuthe ngo-1824 wesuka ubawo Nongxe kwaMankazana, beza esikolweni eGwali. Waafikela ubawo lo kwaMatshaya. Ngelo xesha amaNtsikana ayese wonke, aye ephethwe ngu: Phalaza, Hogu, Xelewa, Rwexwana, Mazaleni, Noyi, Matshaya, Pheyi, Mtyhobile, Nginya, Thamo, nabanye. Onke ke ayephethwe nguKobe, into kaNtsikana, umfo olunge kunene phezu kokuba abantu belo xesha babengcole kakhulu. Afika aMantsikana, eGwali, uBhuluneli ephahlwe ngamalawu akwaSihota. Bekusithiwa icala lamalawu eGwali ngumzi wasemagwangqeni, kuthiwe elinye icala lalo mzi lelaMantsikana. Waahlala ke apho umfo kaGaba, wabe elishumayela ilizwi likaThixo, kwatsho kwagqobhoka abantu abaninzi.

  1. REDIRECT Zemk'iinkomo magwalandini