Jump to content

UNtsikana

Livela

UNtsikana owazalwa ngo-1780-1821 wayeyimboni ngokukamoya, umvangeli kunye nombhali weengoma zenkolo yosentshona. Kwaye wayesaziwa njengomnye wabantu bokuqala ukuguqulela iimbono kunye neengcamango zenkolo yasentshona kumagama avakalayo kubaphulaphuli besiXhosa. [1]

UNtsikana wazalwa malunga nonyaka nowe-1780 nguGaba, uceba wenkosi yamaRharhabe asentshona, uNgqika kunye nomfazi wakhe omncinci uNonabe kwintlambo yaseThyume, emantla eDikeni. UNtsikana owayengowesizwe sikayise, isizwe samaCirha, wakhuliswa phakathi kwezalamane zikanina de waba neminyaka emihlanu okanye emithandathu. [2] Uyise wamthumela ukuba eze kuye emva kokuba efumene amalungelo akhe ngokuhlawula isondlo ukususela ebuntwaneni. Umfazi kayise wokuqala, uNoyiki, owayenentombi kodwa engenanyana, wamkela uNtsikana owaba yindlalifa kaGaba. Ukususela ngeli xesha, uNtsikana waba nomhlaba omkhulu kwintlambo yaseThyume, emantla eDikeni kwikhaya lakhe. [1] Ukudibana kokuqala kukaNtsikana nenkolo yasentshsona kwahambelana nokuzalwa kwakhe kwesiXhosa ngo-1800. Ngo-1799, uJohannes van der Kemp, umvangeli weLondon Missionary Society, wafika phakathi kwamaXhosa asentshona kwaye wavunyelwa ukuba ahlale kufutshane nendawo yomhlaba wenkosi uNgqika. Kungekudala uVan der Kemp waba ngumntu omamelekayo kwaye enikisa umndla kumkani nakubantu bakhe, kwaye kunyaka awahlala phakathi kwabo bafumana amathuba amaninzi okumva eshumayela kwaye exoxa naye ngemfundiso yakhe entsha. Xa wayehamba ngo-1800 uVan der Kemp wayengenakukwazi ukubanga abantu abaguqukayo kodwa kusenokwenzeka ukuba wayenempembelelo kuNtsikana. UNtsikana watshata namabhinqa amabini aselula, uNontsonta noNomanto, baza bahlala phakathi kwesithili saseKat River kunye nesithili sasePeddie ngo-1811. Emveni kwexesha, yena nosapho lwakhe bafudukela eGqore kwisithili saseKate River. [3] Emva kokuguqukela kwinkolo yasentshona, uNtsikana waqhawula umtshato nomfazi wakhe uNomanto. UNtsikana walandulela eli kwilal, iThwatwa ngonyaka ka-1821. [4]

  1. 1 2 Booi, Vuyani "African Intellectuals in 19th and early 20th Century South Africa-Ntsikana" HRSC Press retrieved 15 August 2017 Cite error: Invalid <ref> tag; name "Ntsikana2" defined multiple times with different content.
  2. Ross, Dr John S "Ntsikana" Dumisani Theological Institute & Bible School archived from the original on 9 September 2016 retrieved 15 August 2017 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  3. Roy, Dr Kevin "The Gospel in South Africa" Called.Convicted.Converted retrieved 15 August 2017
  4. "Ntsikana" Dairy of African Christian Biography archived from the original on 7 June 2017 retrieved 9 June 2017 Unknown parameter |url-status= ignored (help)