Ukubala

Livela

Ukubala yinto esiyenza xa sifuna ukwazi okokuba zingaphi na izinto ezikuloo ndawo zibalwa zikuyo, oku ke kubhekiswa nakulphi na uhlobo lwento enokubaleka. 

Nalu uhlobo olulula nekulwa ngalo xa kufundiswa abantu ukubala.[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Xa umntu ebala ngokwesingesi udla ngokuqala ngenani elingu 'one'. esiXhoseni iba sisivumelanisi sentloko phambi kwesiqu esingu-'-nye', kuxhomekeke ke kwihlelo elo into leyo ibalwayo iwela kulo. Umzekelo, xa kulihlelo lokuqala sithi umama mnye, kwihlelo lethoba imoto inye, njalo njalo. Eli nani ke njengoko sele sibonisile, linikwa into yokuqala. Into elandela le yokuqala inikwa elinye inani elingu'two' ngesiNgesi, ize ke esiXhoseni kufakelwe isivumelanisi sentloko phambi kuka-mbini. Umzekelo sithi oomama babini, iimoto zimbini, amakhwenkwe mabini, njalo njalo. Emva koko, into elandela le yesibini inikwa inani elingu'three' ngesiNgesi, ize kananjalo ngesiXhosa elinani libe ngu-ne, umzekelo bane, zine, njalo njalo. Ukuba kukho enye into elandela le iyakuba linani lesi 'five' ngesiNgesi, ize sithi ngesiXhosa si-sihlanu. ngokuya izinto zisanda nenani lazo liyanda. Into nganye ifumana inani layo ngale ndlela. Into yokugqibela kwezozinto zibalwayo inikwa inani lokugqibela, ize ke lo nani libonise okokuba zingaphi na izinto ezo zibalwayo zizonke. 

Imizekelo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Umzekelo, xa ufuna ukwazi inani leminqwazi elikwiqela elithile, umntu uzakubala inani telikumnqazi ngamnye. 
UJohn unomnqwazi omnyama, nommdaka ngombala kwanoluhlaza okwesibhaka-bhaka ngemibala. Uyambuza ke ngoku uMary uthi "mingaphi iminqwazi onayo?".  UJohn unika umnqwazi omnyama inani elingu-1 (mnye). Aphinde uUJohn anike umnqwazi omdaka ngombala inani elingu-2 (mibini). Agqibele ngokunika umnqwazi oluhlaza okwesibhakabhaka inani elingu-3 (mithathu)  Ngoku ujohn akanaminqwazi yimbi, uphelele kule. Elona nani linikwe nguJohn leli lingu "mithathu' okanye u-3, ukhumbule ke okokuba umnqwazi ngamnye unenani lawo. UJohn uxelela uMary ke ngoku uthi "Ndineminqwazi emithathu, atsho eyibala, "mnye, mibini, mithathu. 
  • Khukho oonobumba, A, Q, L, kunye no-S kwintwana yephepha.
UTom ubanika amanani aba nobumba. unobumba u-A ufumana inani lokuqala elingu-1. Unobumba u-Q ufumana inani lesibini elingu-2. Unobumba u-L ufumana inani lesithathu elingu-3. Unobumba u-S ufumana inani lesine elingu-4. baphelele ke ngoku oonobumba abamelwe kukubalwa ngokwangoku. Bane okanye ba-4 oonobumba ababalwayo kule ntwana yeli phepha. 

Kwinqanaba lokubala elingentla [tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukubala kuqala kwi-nani akuze ke kutshintshathsintshe ngonyuka kusehla kwenani. Kwimizekelo engasentla, ukubala kuqale ku-nye, waza watshintsha lo-nye ngokuthi kongezwe enye into ekwafana nale inye. Ngenxa yale nto okwakubala kokuqala kutshintshe ngo-nye, saza sathi xa sisongeza omnye u-nye kulowo sele ekho isiphumi siba ngu-mbini, sitsho sithi zimbini izinto. Kwakhona esi siphumo singu -mbini singatshintsha xa kuye kwafika enye into sitsho sithi xa izinto bezimbini ze kwafika enye ekwafana nazo sithi zintathu. 

Ukubala kungehla okanye konyuke ngokwamanani. Siyakwazi ukubala ngeminwe yesandla. ingers.

Okunye okumalunga nokubala[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kukho ingxelo ethi iintaka zibala kakuhle. Ii-Crows ziintaka ezitshatsheleyo ekubaleni.