U-FW de Klerk

Livela

}UFrederik Willem de Klerk nguMpolitiki waseMzantsi Afrika. U-De Klerk wazalwa eGoli, ngomhla we-18 ekwindla ngo-1936. [1]. WayenguMongameli waseMzantsi Afrika ukusukela ngo-1989 de kwango-1994. Ngo-1993, wawongwa ngembasa yeNobel Prize ngokuba noxolo noNelson Mandela.[2] bathi bawongwa ngembasa ngokuphelisa ingcinezelo ngoxolo nangokuseka urhulumente omtsha wentando yesininzi eMzantsi Afrika. Ukusukela ngo-1994 ukuya ku-1996 wayengusekela-mongameli waseMzantsi Afrika. Ngo-1997, wadla umhlala-phantsi kwezopolotiko. Ngo-2004, wayishiya iNew National Party, kwakuthi kanti ifuna ukuzimanya ne-African National Congre ukuze zibe ngumbutho omnye. u-De Klerk wafundela ubugqwetha. waziphothula izifundo zakhe ngo-1958. Njengomfundi, wajoyina iNational Party. Emva kokuba ethweswe isidanga, waaba ngumcebisi wabo ngokwezomthetho, de kwango-1972. Kumtshato wakhe wokuqala noMarile Willemse balizwa ngabantwana abathathu. Okokoko kwango-1998, utshate noElita Georgiades.

  1. "F.W. de Klerk - Biography" nobelprize.org 2012 [last update] archived from the original on 21 August 2012 retrieved 16 August 2012 
  2. "The Nobel Peace Prize 1993" nobelprize.org 2012 retrieved 16 August 2012