U'''Sarah Bernhardt'''

Livela

USarah Bernhardt wazalwa ngomhla wama(23 October 1844 – waza wasweleka ngomhla wama26 March 1923) wayengumFrentshi ongumdlali weqonga, owayesoloko ebizwa ngokuba "ngumdlali wodumo kwimbali yehlabathi".[1] UBernhardt walwenza udumo lwakhe kumaqonnga aseYurophu ngeminyaka yoo1870, waza wasebenza eYurophu ngokukhawuleza naseUnited States. Wakhulisa isidima sakhe njengomdlali wokwenene, watsho wafumana isiteketiso esithi "The Divine Sarah."

Eselula[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

wazalelwa eParis enguMarie Henriette Bernardt, intombi kaJulie Bernardt noyise owayengumDatshi. Wongeza iqabane u"H" kwigama lakhe nakwifani yakhe, waza wasebenzisa igama likaEdouard Bernardt, umalume wakhe, njengegama likayise. Oko kwakusenzelwa ukufihla into yokokuba uyise wayengaziwa.

Ubizo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ubizo lukaBernhardt lwaqala ngo1862, xa wayesengumfundi eComédie-Française. Wayehamba nzima apho, waza washiya waya kuba ngumsebenzi wenkundla zamatyala ngo1865. Waqala ukubanodumo eEurope ngoo1870, waza wathi ngokukhawuleza wabizwa ngapha nangapha kulo lonke elaseyurophu naseNew York.[2] Waba ngoyena mdlali weqonga udumileyo ngeminyaka yenkulungwane ye-19. [3] Wafunda ulutsha oluninzi kumantombazana ukudlala eqongeni, omnye wabo yaba nguLiane de Pougy.

Ubizo lwakamva[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

ingcwaba likaBernhardt

Ngo1905, xa kanye wayesadlala eRio de Janeiro, uBernhardt wonzakala kwidolo langasekunene kwisiqendu sokugqibela somdlalo xa kanye wayetsiba eskuka phezulu kudonga oluphakamileyo. awuzange uphinde unyangeke ngokupheleleyo umlenze wakhe, ubonakalisa iimpawu zokugruzuka. Ngo1915, iinyama zonyawo lwakhe zafa cum waza wonke umlenze wakhe wangasekunene wanqunyulwa, oko kuthetha okokuba wayehamba ngesitulo iinyanga eziliqela. Nangona kunjalo waqhubela phambili nobizo lwakhe. Wabamba ukhenketho olwaba nempumelelo olwalusiya eMelika ngo1915, waza wasweleka xa kanye wayebuyela eFransi. [4] ngomhla wama-26 kweyoKwindla 1923, uBernhardt wabulawa yiuremia eyayilandela ukoyisakala kwezintso zakhe. Wangwatyelwa kumadlaka ePère Lachaise eParis.[5]

  1. Gottlieb, Robert "The Drama of Sarah Bernhardt" retrieved 2009-05-19 
  2. "Internet Broadway Database credits for Mme. Sarah Bernhardt" retrieved 2007-10-18 
  3. Golden, Eve "From Stage to Screen: The Film Career of Sarah Bernhardt" archived from the original on 2006-04-27 retrieved 2007-10-18 
  4. "New International Encyclopedia" retrieved 2007-10-18 
  5. "Find a Grave entry for Sarah Bernhardt" retrieved 2007-10-18