Ngumtya nethunga

Livela

Umtya nethunga ke zinto ezi ngohlukaniyo kuba ize umtya uhlale kakuhle ufakwe ethungeni. Ngokoke xa umntu esithi abantu ngumtya nethunga kusube kutheth' uba indlela abavana ngayo okanye ngenxa yento ebahlanganisayo akuna kuba lula ukubahlukanisa ngoba behlangene.Ngamazwi angqalileyo aba ngabantu abanobuhlobo obuluqilima.