Isohlwayo ngemali

Livela

Ukuba umntu ufunyaniswa enetyala lokwaphula umthetho, isohlwayo sabo isenokuba kukubhatala isohlwayo semali, isixa semali esithile. Kumazwe amaninzi, isohlwayo ngemali sisenokunikwa ngamapolisa, yinkundla yamatyala, ziijaji kunye namanye amagosa karhulumente.

Xa kuvunyelwana noosomashishini nge-contract, lowo uxhasa ishishini usenokuvuma ukulandela okanye ukuthobela imigaqo ethile. Ukuba umxhasi uyayophula le migaqo, bayavumelana okokuba kumelwe ahlawule imali ngokwenza oko. Umzekelo, xa umntu eboleka imoto aze avume okokuba uzakuyibuyisa ngolwesiHlanu, bavumelane okokuba ukuba akayibuyisi imoto leyo ngolwesiHlanu, kufuneka ekhuphe isohlwayo sama-$50 kwelo shishini.