Isifo sentsholongwane i-Ebola

Livela
Isifo sentsholongwane i-Ebola
Ifoto yango-1976 yabongikazi ababini abeme ngaphambi kwe-Mayinga N., umntu onesifo sentsholongwane i-Ebola; wabhubha kwiintsuku ezimbalwa emva koko ngenxa ye-hemorrhaging yangaphakathi emandundu.Isifo sentsholongwane i-Ebola
Ifoto yango-1976 yabongikazi ababini abeme ngaphambi kwe-Mayinga N., umntu onesifo sentsholongwane i-Ebola; wabhubha kwiintsuku ezimbalwa emva koko ngenxa ye-hemorrhaging yangaphakathi emandundu.Isifo sentsholongwane i-Ebola
Ifoto yango-1976 yabongikazi ababini abeme ngaphambi kwe-Mayinga N., umntu onesifo sentsholongwane i-Ebola; wabhubha kwiintsuku ezimbalwa emva koko ngenxa ye-hemorrhaging yangaphakathi emandundu.
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle
ICD/CIM-10A98.4 A98.4
ICD/CIM-9065.8 065.8
DiseasesDB18043
MedlinePlus001339

I-Ebola virus disease (EVD) okanye i-Ebola hemorrhagic fever (EHF) isisifo sabantu esibangelwa yintsholongwane i- Ebola virus. Iimpawu eziqhelekileyo ziqala kwiintsuku ezimbini ukuya kwiiveki ezintathu emva kokosulelwa yintsholongwane, ngomkhuhlane, umqala obuhlungu,i- iintlungu zezihlunu, kunye neentloko ezibuhlungu. Ngokuqhelekileyo ubucaphucaphu, ukugabha, kunye nesisu esihambisayo okulandelayo, kukusebenza okunciphileyo kwesibindi kunye nezintso. Kweli inqanaba, abanye abantu bayaqalisa ukuba neengxaki zokopha.[1]

Intsholongwane inokufunyanwa ngokudibana negazi okanye ulwelo lomzimba lwesilwanyana esisulelweyo (idla ngokuba ziinkawu okanye amalulwane eziqhamo)[1] Ukusasazeka emoyeni akukabhalwa phantsi kokungqongileyo ngokwemvelo.[2] Kukholeleka ukuba amalulwane eziqhamo athwala kwaye asasaze intsholongwane ngaphandle kokosulelwa wona yiyo. Lwakuba lwenzekile ulosuleleka lwabantu, isifo sinokusasazeka phakathi kananjalo. Amadoda asindileyo anokukwazi ukusigqithisa isifo ngedlozi phantse iinyanga ezimbini Ukuze kwenzeke uxilongo, okuqhelekileyo kokokuba ezinye izifo ezineempawu ezifanayo ezinjengemalariya, ikholera kunye nezinye ii-viral hemorrhagic fever ziqale zikhutshelwe ecaleni. Ukuqinisekisa ukuba iisampulu zoxilongo lwegazi zivavanyelwe intsholongwane yezivikeli-mzimba, intsholongwane yeRNA, okanye intsholongwane ubuqu.[1]

Uthintelo luquka ukunciphisa ukusasazeka kwesifo kwiinkawu neehagu ezisulelekileyo ukuya ebantwini. Oku kunokwenziwa ngokuhlolwa kwezilwanyana ezinjalo kwanokubulawa kunye nokulahlwa ngokufanelekileyo kwemizimba yazo ukuba isifo sifunyenwe. Ukuphekwa kwenyama ngokufanelekileyo nokunxitywa kweempahla zokhuseleko xa kuphathwa inyama nako kungaba luncedo, kwakunye nokunxitywa kweempahla zokhuseleko kunye no kuhlanjwa kwezandla xa ubani ekufuphi kumntu onesifo. Iisampulu zolwelo lwasemzimbeni kunye nezihlunu zabantu abanesifo kumele ziphathwe ngononophelo olukhethekileyo.[1]

Alukho unyango olukhethekileyo lwesifo; imizamo yokunceda abantu abasulelweyo iquka ukunikeza nokuba yi oral rehydration therapy (amanzi aswiti nanetyuwa kancinane ukuba basele) okanye ii-intravenous fluids.[1] Isifo sine-qondo lokufa eliphezulu: sidle ngokubulala phakathi kwama-50% nama-90% abo bantu basulelwe yintsholongwane.[1][3] I-EVD yaqala yabonakala eSudan naseDemocratic Republic of the Congo Isifo siqhele ukwenzeka siqhambuke kwindawo ezingaselwandle lwe-Sub-Saharan Africa.[1] Ukusukela ngo-1976 (ukuqala kokubonwa kwayo okokuqala) ukuya kutsho ngo-2013, bambalwa kune-1,000 abantu ngonyaka ngamnye abasulelweyo.[1][4] Okona kuqhambuka kukhulu kule mihla kusaqhubeka ngo 2014 uqhambuko lwe-Ebola lwaseWest Africa, okuchaphazela iGuinea, iSierra Leone, iLiberia kunye neNigeria.[5][6] Ukusukela ngoAgasti ka-2014 bangaphezulu kwe-1600 abantu abasele befunyenwe.[7] Iyaqhubeka imizamo yokuvelisa ugonyo; nangona kunjalo, ayikabikho okwangoku.[1]

Iireferensi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. 1.0 1.1 1.2 1.3 1.4 1.5 1.6 1.7 1.8 "Ebola virus disease Fact sheet N°103" World Health Organization March 2014 retrieved 12 April 2014 
  2. "2014 Ebola Virus Disease (EVD) outbreak in West Africa" WHO Apr 21 2014 archived from the original on 29 July 2014 retrieved 3 August 2014 
  3. C.M. Fauquet (2005) Virus taxonomy classification and nomenclature of viruses; 8th report of the International Committee on Taxonomy of Viruses Oxford: Elsevier/Academic Press p. 648 ISBN 9780080575483 
  4. "Ebola Viral Disease Outbreak — West Africa, 2014" CDC June 27, 2014 retrieved 26 June 2014 
  5. "CDC urges all US residents to avoid nonessential travel to Liberia, Guinea, and Sierra Leone because of an unprecedented outbreak of Ebola." CDC July 31, 2014 retrieved 2 August 2014 
  6. "Outbreak of Ebola in Guinea, Liberia, and Sierra Leone" CDC August 4, 2014 retrieved 5 August 2014 
  7. "Ebola virus disease update - West Africa" WHO Aug 4, 2014 archived from the original on 23 November 2014 retrieved 6 August 2014 
Ibhibhliyografi

Amakhonkco angaphandle[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]