Isibizo

Livela

Isibizo luhlobo oluthile lwegama (jonga kwisigaba sentetho) elidla ngokuba ligama lento enje ngomntu, indawo, into, ubunjani, kunye nombono.  EsiNgesini, izibizo zisenokuba kwisinye okanye kwisininzi.  

Izibizo zisoloko zifuna igama ekuthiwa yi- article okanye i-determiner (efana no-the okanye u-that). Laa magama asimagama asoloko ehamba nezinye iintlobo zamagama afana nezenzi kunye nezihlomelo.  (Umzekelo, abantu abathandi ukusoloko bechaza izibizo.  EsiNgesini, zininzi izibizo ngaphezu kwalo naluphina uhlobo lwegama. 

Naluphi na ulwimi apha emhlabeni, lunezibizo, kodwa azisoloko zisetyenziswa ngeendlela ezifanayo.   Zisoloko zineempawu ezahlukeneyo ngokwahluka-ohlukana kweelwimi. umzekelo, Kwezinye iilwimi, izibizo azitshintshi zibekwisinye nakwisininzi, kanti ke ngamanye amaxesha akukho gama limele u-the.

Eminye imizekelo yezibizo esiNgesini nantsi: time, people, way, year, government, day, world, life, work, part, number, house, syystem, company, end, party, information.Isibizo.

imbali yegama elithi isibizo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Igama 'isibizo' livela kwintsingiselo yesiLatin ethi "name." Amagama afana nezibizo achazwa kwimihla yamandulo ngu-Sanskrit grammarian Pāṇini kunye nesiGrike samandulo esifana no- Dionysios Thrax.

Ukusetyenziswa kwezibizo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwizivakalisi zesiNgesi, izibizo zisenokusetyenziswa njengentloko, injongosenzi, okanye i-complement. Zisoloko zilandela emva kwee-prepositions, njenge'object ye preposition'.

Maxa wambi izibizo zingachaza ezinye izibizo (ezifana nebhola yesoka). Xa zisenza oku, kuthiwa zizii-modifiers okanye ii-adjuncts.

Kukwakho nohlobo lwezenzi olunokusetyenziswa ngokufanayo nolu lwezibizo (ezifana nesi 'I like running.) Ezi ke kuthiwa zii-verbals okanye zii-verbal nouns, kwaye ziquka ii-participles (ezisenokuba zizichazi) kunye nee- infinitives.

Iintlobo zezibizo nendlela ezilandelelana ngayo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Izibizo zilandelelana ngokwee-common nouns, nagee-proper nouns. Kukwakho nezimelabizo. Ezi ke izibizo bezisoloko zithathwa njengezibizo ezikwisigaba sentetho eyahlukileyo kuleyo yezibizo,  kodwa kudala ezinye ezinye ii-gramma zaziquka ezi zibizo njengenxalenye yezibizo[1] kanye njengee-modern linguists ezininzi..[2]

Isibizo soqobo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Isibizo soqobo (esikwabizwa ngokuba luqobo lwegama) ligama elinikwa abantu, iindawo, iinkampani, okanye ii-brands. Eminye imizekelo yoqobo lwamagama nantsi: yi-London, u-John, u-Thixo, u-OKthobha, u-Mozart, umgqibelo, i-Coke, Mnu. Brown, ulwandle i-Atlantika

Nanga amanye amaphepha anokufundwa[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "noun, a.1" The Oxford English Dictionary. 2nd ed. 1989.
  2. Huddleston, R. & Pullum, G. K. (2002).