Iqaqa aliziva kunuka

Livela

Iqaqa sisilwanyana esincinane esinevumba elinuka kakubi ngokunganyamezelekiyo, nangona kunjalo aMaXhosa akholelwa ekubeni aliziva kunuka.Iqhalo elithi iqaqa aliziva kunuka lithetha ukuba umntu akaziboni into ayiyo.

Lisifundisa ukuba singaboba gxeka abanye abantu kuba akho nzwane ingena siphako. Kufuneka sifunde kwimpazamo zethu.