Ipolisa (igosa)

Livela
Igosa lepolisa laseMelika kunye nesoka lalo bechul'ukunyathela kwi-Pride parade

Igosa lepolisa ngumntu osebenzela isipolisa.

Igunya/amandla kunye nemisebenzi yalo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umsebenzi wegosa lepolisa kukuqinisekisa okokuba abantu bathobela umthetho. Akusingawo onke amapolisa anxiba impahla efanayo (i-uniform) nazulazulayo. Amanye amagosa amapolisa anemisebenzi eyodwa, efana neyobucuphi, amagosa ezendlela, okanye ajongene nokulawula izinja. Kwamanye amazwe, akungawo onke amapolisa aphatha imipu, ngoko ke igosa lepolisa lingazikhethela ukuba lisebenzise umpu emva kokuba sele linamava ngokwaneleyo.

Igosa lepolisa lase-Czech liqwalasele kufutshane uthotho lweenqwelo-mafutha

Njengenxalenye yomsebenzi yabo, amagosa ezobupolisa anamalungelo angaxhamlwayo ngumntu ongelopolisa. Oku kuquka igunya lokubamba umntu abacinga okokuba wophule umthetho, igunya lokusetsha umntu, igunya lokumisa iinqwelo mafutha liphile lizilawule, igunya lokubuza umntu ukuba ungubani na igama lakhe nokokuba ithini na idilesi yakhe, igunya lokukhupha amatikiti liwanike abantu okanye igunya lokuhlawulisa abantu okanye lokubenza beze kwinkundla yamatyala. ngaphandle kwala magunya ipolisa alinakubanakho ukulawula ekuhlaleni.

ukuba ligosa lezobupolisa kunganobungozi. Amagosa amapolisa ayabulawa okanye alinyazwe zizikrelemnqa ngamanye amaxesha xa ethe athunyelwa kwiziganeko ezithile. Yhiyo le nto kufuneka ephethe izixhobo ezifunekayo ukuze bazikhusele. Amagosa ezebupolisa anelungelo lokuphatha izixhobo, ezifana nemipu okanye i-baton ukuze balumise ulwaphulo mthetho nokokuba sele umthetho ojongene nezikhali sele ungqingqwa kangakanani na kwaye uphelele kuluntu lonke.

Izixhobo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Igosa lezobupolisa eBritane

Kumazwe ngamazwe, amagosa ezobupolisa anikwa izixhobo ezahlukeneyo ukuze akwazi ukuhlangabezana nolwaphulo mthetho okwilizwe labo. Onke amagosa ezobupolisa axhobe ngezikhali anokuzisebenzisa ukuze bazikhusele okanye bakhusele abanye abantu abadinga uncedo. Uninzi lwamagosa ezobupolisa aphatha ezi zinto zilandelayo:

  • Ummpu okanye i-baton/truncheon ukuze lenzakalise okanye lide libulale kwezinye iimeko xa kuyimfuneko.
  • i-canister ye-CS gas okanye i-pepper spray, emfama umntu okwexeshana.
  • Ingqokolela yee-handcuffs, ukuze limbeke kuxinzelelo umntu
  • I-vest yokuzikhusela, ukuze lizikhusele igosa lezobupolisa kwii-mela nakwimipu.
  • Isiphanziso sokukhanya, ukuze likhanyise apho kumnyama khona.
  • Unomathotholo ondlela-mbini, wokucela unceda, ukuxobisa amanye amagosa ngolwazi, kwakunye nokugcina olu lwazi kuvimba njengolwazi olulaleleyo.

amagosa amapolisa kufuneka ajikeleze ebaze amehlo abukhali aze aphinde aphendule kwiziganeko ezingxamisekileyo ngokukhawuleza. Amanye amagosa amapolisa ayakuzulazula ngeezikatshiwo, kodwa ke uninzi lwamapolisa azulazula ngemoto okanye inqwelo yamapolisa. Oku bakwenza ukuze bakwazi ukufumana iziganeko ezenzeka ngokungxmisekileyo ngokukhawuleza bexhobe befe amacala. ngamanye amaxesha amagosa azulazula ngeebhayisikili, ngezithuthuthu, okanye ngamahashe kuba bakhethelwe ukuba basebenze kuloo ndawo.