Ingxoxo enkulu YomGinwa nomKristu - Isiqendu sesi-II

Livela

Ibhalwe ngu. W W. Gqobha

Laa madoda mabini u"Phakade-likhoyo" no"Zwelizayo", aqubulana ukuthi tshapha kwelanga. Uvakele uZwelizayo esithi, "kha uqube kambe mfo wakowethu, side sikhe sive okwakho ngomhlaba, nombuso, nemfundo, kwanelizwi:-

Ndakude kaloku, ndikwenzel'ibali,
Lamhla ngentlandlolo, yemfiko yeliZwi,
Ndib'ukwenjenjal, ndibonisa wena,
Ukub'okwenjenje, ndenza iziqonga.
Zale mfundo yenu, nina magqobhoka,
Ngezwi likaThixo, nizenz'amaphama,
Angahlali ntweni, Kuba mhlana nemka,
Nashiy'ubuqaba, nab'ushiy'impela.
Ke kaloku namhla, sisele ndawonye,
Nibuyel'ezonto, nanizishiyile.
Izwi likaThixo, niligxabhelele,
Inkolo nesono, nidibanisile.
Suduka mfondini utheth'amampunge,
BuKristu, namfundo, nambuso wantoni?
Undibamb'amehlo, uthi andiboni,
Ndixhego lingaka, akunazintloni?
Ndeeza ndingumfana apha emLungwini,
Ndemka ndinengqondo ebuphakathini.
Izwi likaThixo, leeza NoNyengana,
Lacaca okunye ngenxa kaNtsikana.
Lwamkelwa kwa oko, yinkos'uLwaganda,
Kwanga kuyaxokwa kwimihla yokuqala.
Wakhony'izililo, wonk'umzi kaNgqika,
Washukuma wonke, wabuphithizela.
Kwafun'ukuthiwa, ma 'be ukhafilwe,
Ujojisw'ubugqi, Makab'ubulewe,
Kwabikw'emaziko, "Inkos'iyathwasa,"
Ingen'iShologu, loYese unina.
Mayibe okunye, ifuz'uGcaleka,
Yen'unomshologu, wokuba litola.
Kwaaba yintw'enjalo, mfondini wakw'ethu
Sathi yinkathazo, yalo mshologu.
Athi amanyange, uYes'akaziwa,
Waafika nenkungu, kwakhiwe kwaGxugxa;
Kwabikw'emikhulu, kwantuntelw'umhlaba,
Koyikwa kwankwantywa, kwizwe lakwaGcina.
Zaanduluk'iiNkosi, zisiya kwaGcina,
Zisiya kubona, uYes'unoNgqika.
Weenyuka noMlau ehamba nehlathi,
Wabuy'engxamile, sel'eyinto yenkosi.
Mandithi ke kuwe, wagqobhok'uNgqika,
walahl'ubukhosi, walahl'izithembu,
Wasinga es'kolweni, eTyhume eGwali.
Weemka noNonibe yedwa kubafazi bakhe.
Waashukuma umzi, zahamba neendaba,
Safun'ukuncama, simzi kaMajola.
Saziinkwabalala, kwalil'iguburha.
Kwafun'oosiyazi, saba zizantanta.
Wakhelwa noxande, wahlala wonwaba,
Umzi uphothana, ubhula usela.
Kwenziw'imihlahlo, kwanukwa nabantu,
Kwahlatyw'Isikolo, imbangi sizathu.
Walahla uMjodo, 'Somatshitshilili,
Exakwe bukhosi, nalul'olungwini
Lo mzi kaRharhabe, oncu lumashiyi,
Owahlulelene, umntu noy'sekazi
Loo ndlu kaLwanganda, yasala noMjamba,
Wendlu kaSukwini. Ngunyana kaNgqika.
Ngowabokuqala kwabakanyengana,
wayakugalela, kwabakaNtsikana.
Baninzi nabanye ababelamkele,
Boyiswa ngumhlaba, baxhak'''iintendele''.
Babuyel'umbuso, bagweb'amatyala,
Babayimisila, bathimb'amaxhoba.
Ndijike kufuphi, ndenze le mibuzo -
Lo mbus'uqhayiya, kwanayo le mfundo,
Ezonto zade khe zanceda bani na?
khawuxele mfondini, kwakumlambo mni na?
Khawuyek'ukubuza, amandul'omhlaba,
Kuba anditshongo, ukuth'akufiwa,
Sithi bomiginwa, kufa nina nedwa.
khawundive kamnandi, kuxoxa oontanga.
Anditsho mn'ukuthi, izwi likaThixo,
Ukuthetha kwalo, akunanyaniso.
Kub'ukuba njalo, ndibonise kade,
Ngenkos'uLwanganda, amandl'elinawo.
Laangen'emandleni, omzi kaSivanxa,
Kwamhla lathi qatha. Laangen'amaCirha,
Langen'amaTshawe, langen'amaJwarha.
Lahlab'ezintloko zomzi kaMajola.
Kumzi wamaTshawe, nguye uLwanganda,
UNoyi noNcamashe, ''imilondekhaya''
KwekaCirha indlu, ngumana kaGabha,
KwanoMazaleni, noSoga kwaJwarha.
NgooNjenje noHogu, neento zoMsaseni,
Kwezinye izizwe, Bamane besanda,
Beshiy'okunene, lona olu tshaba
Ngalo ndihamba nje, ndisebudengeni.
Le mibuzo yami, ngewuyiphendula,
Kub'ukuba njalo, thina isasondla.
Xa sibona nani, nibuya kwangomva,
Nisiza kwakuthi, baseyimiginwa.
UZWELIZAYO:-
Mfondini wakw'ethu, zundiphulaphule,
Xa ndikubonisa, ubom bomhlaba,
Inkohliso yawo, Zundinyamezele,
Ndikubalisela, uz'undilandele.
Ndakukuzekela kumavwabadala,
Asebuhlangeni sel'ebuntsomirha,
Ukuze ngokwakho ukwaz'ukuhluza,
Iintwezi zifezwa, ngokuzekelisa.
Kukho intsonyana ebuntsophothana,
Yayilusizana inezifundwana,
Ilungelelene nengxoxo le yethu,
Ndibonisa wena amav'angawethu.
INTSOMI
Kwathi kaloku, kutshiwo yintsomi,
Kwakukho nkazana, isel'ingumfazi,
Yayisiya kowayo, icanda intlango,
Kwathi enkangala, yeva ngesililo.
Satsho ngelizwana, elisitshothwana,
Le mveku yosana, linguntamekana,
Kwasik'imfesane, kuyo le nkazana,
Ikhale le ntwana, kweloxe nezwana.
Le ntwana ilambe, elimacana,
Yayilil'uyeva na, iphathe kuthetha,
Yayipitiliza mazw'alusizana,
Abetha yajika, kwaphel'inkazana
Intetho yosana
Dicoye! ndicoye!! dicoye!!! wa mama!
Doze dikuphuye, dikoye zezana,
Doti dakukhuya, dikwenzemnandana,
Diphiya yiphunyo, se diyitshwenyana.
Doze dikuphuye, kwimin'ezizayo,
Wopon'inyakenye, yopon'opukhoyo.
Dipheyeke mama, woxamny'inqudequ,
zayw'eyi phakade, nendyebo ekhaya.
Dafeywa ngumama, sediyinkedama,
Ditshizwa zitsizi, dinehayu-hayu.
Diyikedama, eyitagatwana,
Eyenapazayi, napatu bakwetu.
Dinayo negama, umteketiswana,
Diguy'uSnama-dikunamateye.
Dipeyeke mama, daqawuka yigqeye,
Dikoye, dikoye, diguy'ukekana.
Lwaatsho kabuhlungu usan'oludala,
Yasel'iphambuka, yayakuluthatha,
Yayiphos'emhlana, le ntwan'imanyana,
Iyiseze masana, yahluth'imvekwana.
Yayiphethe mahlala, anamafutana,
Yawathwal'entloko, yamemek'usana.
Kuthe kwakuba phi, wavakal'umntana,
Watsho ngentethwana, yobuthangatwana.
Diseze zezana, dipe mufutana,
Yipe ikekana, kuamapisana,
Kuyo maseywana, Yip'u-Tamekana,
Udipe pomvana, owak'umcoywana.
Lwafika usana, ngunin'umdlezana,
lwapiw'amafuta, kwelinye ihlala;
Lwaman'ukwenjalo, amaxa ngamaxa,
Ad'asuk'apela, onke loo maselwa.
Lwabiz'alwayeka, layiyinkazana,
Yath'ukulandula, yabhula nezandla,
Lwenz'imfakadolo, lwamthwax'umdlezana,
Lwamfaka uviko, suke nqadalala!
Lwaye olu sana, luxake nganto nye,
Lunempawu zonke, zokuba linyange,
Lunayo ibhelu, lunazo iindevu,
Lunay'imibimbi, namenywamakhulu.
Kwanakukuthetha, hay'iindaba zentsomi!
lwaye ke lunjalo lukhul'ecaleni,
Lo mendo wendlela, esinga ekhaya,
Lakule nkazana, yachola lo mntwana.
Ithi ke intsomi, kuthe kusenjalo,
Suke olu sana, lwe jike ngatyholo,
Kwe thu uxwebethu, selusigebenga,
intw'emehlw'abomvu, ixhegw'intw'endala.
Savakala sisithi, ngegqum'elikhulu,
Ndiyakukukhwela, ndingusidl'abantu;
satsho samdl'umfazi, okad'eskhangela,
Samdl'umdlezana, okad'esaphuka.
Yevana mfondini, imbali yobusana,
Unjalok'umhlaba, usisigebenga,
Esihend'abantu, ngesaci sosana,
Ulila, ndithetha, ngokulusizana.
Ulila, uthetha, ngayo le mincili,
Nazo eziyolo, zenze isanzwili;
Uhlel'emendweni osinga ekhaya.
Kwinyangw'ephezulu, kwimilondekhaya
Ukutsho ndithi, wuqonde umhlaba,
Ukub'uhleli nje uvez'amaqhinga,
Okuwisa onke, onk'amagqobhoka,
Abewushiyile, uyawalandela.
Uhlel'enqineni, ngazo kany'ezonto,
Uzalathileyo, ukhalaza ngazo,
Ngazo ke ezonto, zimhlambi wantaka,
Uwuncoma ngazo uyalilisela.
Umhlaba yinene, usisigebenga
Esingumncamisa, uqhatanisela,
Waaginy'ooAkana, neento zikaKora,
Uginye izizwe, nanamhla usabimba.