Imfundo eMzantsi Afrika

Livela

UMzantsi Afrika unenkqubo entlantlo-ntathu yezemfundo, eyamabanga asezantsi, kulandele eyamabanga aphakamileyo ze kulandele eyemfundo enomsila eziyunivesithi nakwiiyunivesithi zobugcisa.

Ngowama-2010, bekunabafundi abazizigidi ezili-12.3, abahlohli abangama-386 kwakunye nezikolo ezimalunga nama-48,000 (ubuncinane abahlohli abasi-8 kwisikolo ngasinye) - kubandakanaya nezikolo ezingama-390 zabaneemfuno ezikhethekeleyo kwakunye nezikolo zabucala ezili-1000 ezibhalisiweyo. Ngokwesiko, izikolo zamabanga asezantsi ziquka iBanga 1 ukuya kwele-7 ze ezamabanga aphakamileyo zithathe iBanga 8 ukuya kwele-12. Ezi zikolo ziyandiswa ngokutha kufakelwe ibanga 0 nele-13 ngokokuthanda kwesikolo eso.

Ukufunda esikolweni kuthatha iminyaka eli-13 - okanye amabanga - nangona unyaka wokuqala wemfundo, iBanga R okanye "lolwamkelo esikolweni", neminyaka emithathu yokugqibela, iBhanga 10, 11 nele-12 okanye "iMetriki" akanyanzelekanga. Iziklo zamabanga asezantsi ezininzi ziyabonelela ngeBanga R, nangona lisenokwenziwa epriskuli.