Ilungu:Sanda Nozizwe Madikane
Ukurhereza/ ukurheleza
Ukurhereza/leza kuthetha ukukhangela amadlelo aluhlaza. Eligama livele emva koba kupheliswe urhulumente wobandlululo. Ubani uzakuzibuza ukuba kutheni eligama lizakuvela kanye kwixesha le nkululeko eMzantsi Afrika, ngoba eli lixesha lokuba abemi beli bangcamle kubutyebi belizwe labo hayi ukuba kuvele amagama asingisele kwintlupheko eyeza nobandlulo. Xa umntu ezakuthi uyorhereza ephuma ekhayeni ebazalini lonto izoba umfanekiso wekati elele eziko, akekho umntwtana wesityebi onokusebenzisa eligama xa ephuma ekhaya. Kwakhona, eligama livamise ukuba lisetyenziswe nangabantu abasebenza esitalatweni okanye kwiivenkile njengabantu bokuphathisa abantu iimpahla okanye abasebenzi kwiindawo zezithuthi.
Kodwa ke sithe senza uphando olufutshane ngeligama kubantu abathathu ukuba bona lithetha ntoni kubo ngoba kaloku umntu ngamnye unendlela aliqonda ngayo igama okanye kwingingqi yakhe. Igqiyazana uMnzolokazi uthi yena eligama lithetha ukuzama, ukuzamela wena ukuba ulale utyile, ahambise athi lithetha nokuzimela. uMawawa uyangqinelana naye no Mnzolokazi ukuba eligama lithetha ukuzama, umzekelelo xa umntu ephuma ekhaya eyokufuna umsebenzi, kuye kuthiwe uyokurhereza. Nomntu ke ozizamelayo amatorho emisebenzi kuthwa naye uyarhereza ngenxa yenzame zakhe. Ukanti naye umfo waseMampondweni uthi naye eligama lichaza ukuzama okanye imizamo yomntu ngenjongo zokufumana inzuzo.
Ngoko ke yonke lenkcazelo icacisa mhlophe ukuba eligama lizalwa yintlupheko nendlala, eyona nkunzi yazo ke ilubandlululo. Eligama linganako ke ukuphembelela ubundlobongela bokuba umntu alisebenzise ngendlela engafanelekanga kuba alinandawo apho lingangeni kuyo, nabani na angakukhuthuza egameni lokuba uyarhereza. Ngoko ke amanye amagama ayasetyenziswa kodwa anempembelelo ethile enokuthi idale ubungozi.