IPaki

Livela
Unjung Kulon National Park in Indonesia

I-Paki yindawo elithafa elivulekileyo esixekweni okanye edolophini, ebekelwe bucala, ukuze ibe yindawo yezinto zendalo. Eli thafa liyi-paki lidla ngokuba yindawo yemithi, iziqobo zezitulo ekucwanywa kuzo ngakumbi abakhenkhethi, imifanekiso eqingqiweyo kunye nemithonjana okanye imilanjana yamazi ankcenkcezayo. Kanti ke ezinye ii-paki ezakhiwe kwizixekokazi zibankulu kakhulu. Laa mathafa azi-paki anabo noonkcenkce mlanjana abazii-fountain. Akwanazo neendawo zepikiniki. 

Ngamanye amaxesha, amazwe okanye  iingingqi zichonga zize zizenzele ngokwazo ii-paki zamazwe azo. kudla ngokuba yindawo elithafa elikhulu. Ezi ndawo zenzelwa ukukhusela ii-habitats zezilwanyana. Ubukhulu becala, ungena ngemvume ekhethekileyo kula mathafa.  Akunto idla ngokuvumeleka ukwakha izinto kweli thafa, kungenjalo kufuneka ube nemvume ekhethekileyo. 

Umzekelo wepaki yesizwe yeyase-United states (eMelika) eyaziwa ngokuba  yi-Yellowstone National Park.

EPaki eMzantsi Afrika[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Futhi: EPaki eMzantsi Afrika kwi-Wikipedia yesiNgesi