III. UMHLOMI

Livela

Mhlawumbi abafundi bathe nqa ukubona ndisimka kangaka nale mimango, ndingade ndenze ndifike emxholweni wento endingayo. Kaloku ukumbiwa kwento elixabiso asinto yenzeka khaphukhaphu.

Noko akusekude singafiki enkomeni; iimpawu sezikho ezalatha loo nto. UMhlomi lo ke uzalwa nguMoyane ogama limbi linguMotlohelwa loo kaMonaheng, aze uNkopane abe ngumkhuluwa wakhe. Uye wavelela kanobom kwinzala kaKwena, suka ngoku yanguye olixhanti nolawula lonke usapho lwakowabo. ingqondo yakhe ibivele yatsolo kwasebuncinaneni kwakhe, ayafana ncam neyolinye usapho lukayise. Uthwaso lwengqondo yakhe lwazalisekiswa loo mhla asesuthwini, kuba uthi, bathe xa baleleyo bonke abanye abakhwetha, walama isuthu elo labo livulekile entungo phaya, uzifumene sel'ethwelwe wasiwa esibhakabhakeni ngamandla angawaziyo. Ufike apho abantu beyinkungu nelanga. Ubaye nje ngamehlo ethe tu, baza nabo abenza nelimdaka ukuthetha naye.

Uthe esekuloo ngxaki weva ngelizwi lithetha ngokuthambileyo lisithi, "Hamba uye uphathe abaya bantu unothando, unoxolo, ungabi ngonekhethe." Ubuye sel'ethiwe jize ngewonga apha lembeko nobulumko.

Ngexa asel'ezekile ikomkhulu lakhe libe seNŏlilwe (Ngoliloe) kwisithili saseMgwadleni (Ficksburg). Esi sazi siyile nkosi sitsalwe okunye kukufumana kuloo mawa namaqolomba kuzotywe imifanekiso yabantu neyeenyamakazi ngaBathwa. Le nto uyithathe ngokwesimanga esadalwa yiminyanya, waza ke le ndawo wayithiya ngokuba, "Baliwe-Ngoliloe."

Eli nxowa fanel'ukuba ulinyule ngesizathu sobu bugqi benziweyo ngaBathwa. Uye akakratsha ngako ngulo mzi wakhe mtsha, kuba ulifumene layamene kakhulu nalowa mbono wakha wamhlela esuthwini, waqinisekisa okokuba le nto makube sisiqalo sezinto ezinkulu eziyakuphelekana naye ebomini bakhe.

Ube eyinkosi engazange ibonwe ithe vu phantsi, ikhe ihlale itye izifuba zeenkabi zenkomo ikunye namanye amadoda akowayo, ibuse abantu bayo, ibahlanganise yakhe amabutho okuhlasela, nokukhusela izwe lakhe; akhe abenethuba nelokuphulaphula amavo abaliswa ngamaxhego akowabo. Bekuyinto eqhelekileyo nemilileyo kuye ukukha abashiye abantu aye phiphiphi; kungekho amshiyileyo wokubalusa.

Ngalinye ube eyinkosi enyawo lwambath'indlela, ahlukile poqo kwiinto ezenziwa zezinye iinkosi. Olu hambo lwakhe lumenze ukuba aziwe phi na phi, waza ngaphezu koko wanethamsanqa lokuzifumbela izihlobo ezingenakubalwa mntu.

Ubesithi akufika kwenye inkosi azeke intombi yayo, xa ngaba inayo, ayilobole, aze athi ukugqiba nto amakhele umzi loo mfazi kwalapho kowabo; abuye amshiye neqela lee nkomo ese ziyakusala kuye zibe lilifa kubantwana ayakuthi abazale nakubani na, sel'emkile yena, kuba isiko lakhe ube ezek'eshiya. Uhambe etywina ubuhlobo ngayo le ndlela, kolo hambo lwakhe. Ngaxa limbi wakha wagaxeleka kwisizwe esidla inyama yezinja lee eKalahari.

Ngexesha lesibini xa abuyela kwelo waahamba nomhlambi wezinja. Efikile khona, uzeke intombi, waza wayilobola ngazo. Lo mfazi wakhe umakhele umzi, wandul'ukumshiya kwanjengabanye.

Uthe ngokusoloko ethe poqo elityhutyha, elasentla esiya phambili, wada wathi kuuphi wafika kwelamazim. Aba ke ngabantu abatya inyama yabanye abantu. Amazim la sidla ngokuva kubaliswa ngawo ezintsomini, singakholwa sonke na ukuba akhe akho elizweni. Gxebe wayenelo qedlana libe limphelekile. Bafike elele obentlombe, emini emaqanda. Akukho wazileyo nokokuba ayecujulwe yinyama yabantu awabe eyidle ngezolo.

Kwaaman'ukuvakala ukukhonkotha kwezinja okungayi ndawo. Iinkomo zazibuthume emithunzini yemithi ngenxeni yengqatsini yelanga lasehlotyeni. Ekuvukeni kwawo, aye aphuma ezindlwini, amalama uMhlomi ayame ngobuhlanti, ekunye nelo qedlana lakhe. Athe ngenxeni yokusindwa sisithunzi sakhe, akamenza nto. Akhawuleze amnika inyama yomntu, emhlangula kwiphango lohambo.

Uthe akuba eyisingasingile, wayimangala. Uxhelelwe inkabi yenkomo, bayitya, namazim akayekelela. Ibali lithi babede bakhe batye namawabo afileyo, bafumane amaqasho, imibengo nemihluzi. Iinwele zawo bezinde, zikhazimla, kuba abezithambisa ngamafutha abantu. Akachithanga xesha liphi kule ndawo, irhaqwe ngamehlo anamanakanibe angenasiphelo, ubuye waphethula amabombo wacinga ngendlela esinga ekhaya, engasafuni kuva nto ngobukhosi belo zwe, nokukha ancokolise ibenye kwiintombi zezo zidlabantu njengesiqhelo sakhe, ecacelwe ngokuphandle okokuba ujinga phezu kweembiza ezibilayo ese ziseziko zamazim.

Abantu aba, njengeenyosi, abaze baphile ubomi obumnandi, bengenayo inkosi emiyo phambi kwabo, ikhe ishumayele imithetho yasebhotwe, ilungise ukumiwa kwelizwe layo, ivelele nezinye iinkalwana eziyingxaki. Sazi iinkumbi zodwa zona zidalwa zikhe zihlasele amasimi alinyiweyo zibhuqe izilimo kungekho nkosi zizifunzileyo nezizilawulayo. Olu manyano lungakanana alufunyanwa ebantwini ngaphandle kokuba babebenkosi ebaphetheyo. Ibilithamsanqa elingelincinane ukuthi ngexesha angekhoyo aseluhambeni, kudle kungabikho zintshaba zihlaselayo. Yinto leyo ebingenza ukuba kuse kulila ibhungane, ingamachithi odwa. Isiqendu sesi-2: ubeyinkosi ethanda ukufeketha ngabantu bayo, xa sukuba izakuthabatha uhambo okunye se iluthabathile, ngokusuka ayalele abo akunye nabo mababe behlaba, basinge phambili; baye kufika kuloo ndawo kuyiwa kuyo. Bohamba ke , bamshiye ekhaya okanye endleleni. ekufikeni kwabo kuloo ndawo bekusiyiwa kuyo emva kweentsuku ezimbini mhlawumbi ezintathu bevuka belala, baya kufika sele kudala wafikayo; kube kukodwa ukuba bamthabathe ngokwegqwirha elikhwela imfene. Loo ndawo ibibuya ibaxake, kuba abazange bambone eyikhwele mhlawumbi eyityisa. Bekukodwa ukumthabatha njengongemilingo, baze bathi kusenjalo, bafumane baphelele kubo bunjalo bokumcingela into angaba uyiyo koluntu lungaka.

Okokuba ubuprofethi babungazange bupheliswe, nge iba sithi wayengomnye wabaprofethi kubeSuthu.

Kuthi kuseyiloo nto libatshele abantu, naye angakhe athi tshu ukutyhilela noyedwa ngobu bugqi bakhe. Ekubuyeni kwakhe ekhaya evelakumazwe ngamazwe, bekufana nomntu oza nomtshakazi.

Wosel'ubona ngomqokozo wokulandelana kwabantu beqhumisa uthuli ezindleleni, besiya kuphulaphula iindaba zaloo mazwe bangazanga bawalama.

Abavela kude baye abazikhohlisa, baya bephethe utshongo ukuze bakhe bachithe iintsuku bedlisa iindlebe zabo ngamavo omhambi wenkosi yabo.

Asikuko nokuba ebekhululekile.

Ubeya ahambise ade ayekuthi tya, angakhe ashiye nemvuthuluka le.

Ibiba libali ke loo nto ebuzweni.

Okukhona wahambayo, kwaba kukhona isizwe sakhe saya simhlonela ngakumbi, samdumisa, samoyika, samthanda.

Enye indawo esinga asingeyishiyi, yeyobugqirha bakhe obabutshatshele.

Kuthiwa wayeyingcamevu yegqirha, lingekho nalinye elaye lilingana naye, sel'equkwe onke ngeentloko awaseluSuthu.

Kuthiwa neqhenkqa eli ukulinyanga livuthuluke, ulusu luphuthume isimo salo sangaphambili, ibilicekwa kuye loo nto.

indlu yakhe apho aphithikeza khona amayeza (iKhemesti), ubengazanga waziwa kuvumela namnye umntu ukuba angene kuyo ayihlole; ngako ke akakho obeyazi ubunjani bayo ngaphakathi, naloo mayeza angafaniyo ebegcinwe apho.

Mhlawumbi ngethamsanqa angathi abemnye kuphela umntu ekuvakala ukuba wakha wangeniswa kuyo. Asazi ukuba wayehlambe mlambo mni na? Gxebe sobuya sive ngaye singasemoyeni.

Nalawa makhalipha amazim ayengenakho ukuzibhakaxa kuye, ekuyiloo nto neyabangela ukuba anyathele umhlaba agqibe ilizwe elingaka engenaloyiko lwalutho.

Ube engumnisi wemvula owayengenakuphikiswa bani, ngamaxesha embalela.

Ubelulamile, engumntu onoxolo ebathanda bonke abantu bakowabo, kodwa kuthiwa abona bantu babesenyongweni kuye ngabantwana. Ubeliciko lokuthetha, elichule ekugwebeni amatyala anzulu.

Kwindawo akhulele kuyo ubungabona iimfidi ngeemfidi zabantu ezizela ukua kumphulaphula.

Ekusondeleni kwamaxesha akhe okumka kweli phakade, wakha wahambela uMatekane owayemi ebotha-bothe.Kwaafika into eninzi yabantu bezele ukuza kumphulaphula ebalisa, ecikoza. Phakathi kwaloo nyaka-nyaka yab'ilapho kwakukho mfana uthile usand'ul'ukutshata, evela emaphandleni. Lo mfana wayetsalwe kunene zizinto awayekade eziva zithethwa ngaye. Wayenqwenela nje ukuza kuva, akhe abuye abuze icebo kwesi silumko siyile nkosi. Uthe uMhlomi kulo mfana, "Nyana wam, okokuba ubungavumayo ukushiya yonke into, ndibe ndingahamba nawe, phi naphi apho ndisukuba ndisiya khona; ngolunye usuku usakube uphathe abantu, ngako oko ke maze, okokuqala ufunde ukubazi kakuhle, ugwebe ngobulungisa."

Lo mfana ke ogama singekalazi, waawagcina esifubeni sakhe laa mazwi akalahla noko lilinye.

Malunga nomnyaka ka 1813, uMhlomi ukhe wahambela isizwana ebesingekude samaPetla, kufuphi naseMorija; apho kumi umzi wemfundo ngoku. Wayephelekwe nguLetele, omnye woonyana bakhe. Ubenomnqweno wokusondela kwaba bantu, phofu lo mcamango uphelele eluhayeni.

Uthe xa agodukayo wagula; kodwa waya wafika kwikomkhulu lakhe eNðliwe esaphila.

Xa aselukhukhweni lokufa, uthethe ezemibono ngokwembono yakhe wathi, "Niyakwanya imazi emhlophekazi, maze nigcine ukutya kwenu, ukuba anenjanga njalo, niyakufa.

Wayenomnweno wokuba maze zithi zifika iimini zokubhubha kwakhe, abe usapho lwakhe elufudusele eQeme. Lo mnqweno awubanga safezeka, ngenxa yokubandezelwa kukufa.

Wayibona imbubhiso eya kuza ivela empumalanga, ize itshabalalise ilizwe liphela laseLusuthu, abantu betyana ngenxa yendlala eyakubakho.

Owona msebenzi owohlal'uhleli, ngulowa wawenzayo, wokunyula athambise umfana wodidi oluphantsi, amsonge ekuzingeleni aze kuba ngumalusi wabantu bakowabo.

Abantu babekhohliwe ukuba bomfumana phi na nangandlela ni na umntu onentliziyo efana neyakhe; kuba koonyana bakhe akufumanekanga noko amnye weli khondo lakhe, kwacaca okokuba yilahleko kwelo cala akakho owothabatha isikhundla sakhe.

Kwindlu yakhe enkulu, babebahlanu oonyana.

Owokuqala, yayinguNketsi owabulawa ngokungabinantobeko, owesibini yayinguMonyane, waabulawelwa edabini ngaabaa bakwaRamokhele, owesithathu wabulawa ngabaTshweneng. Ababini uTlali noNkopane babengafanelekile ebukhosini. Yathi inguNkopane yena, kwabonakala ukuba ungonephike kwada kwathiwa igama lakhe nguMphikeleli. Le nto yodwa yalatha ukucima kwegama likaMhlomi ukuba kulandele umlibo wobukhosi kwisizukulwana sakhe esalandelayo.

Umthathi uzala umlotha.

Ubhubhele kwaQobolu, isidumbu sakhe saangcwatywa eKalle kowe1814. Babekho oonyana kwezinye izindlu zakhe, kodwa nabo baawa phantsi bonke. kuvakala ukuba uMhlomi waasikelela umfana othile, ogama lizakuvela kwizahlukwana ezilandelayo, wamnika ilifa lobukhosi. Akwazeki nokuba waamsikelela ngokumayela necala lakowabo, okanye wayemsikelela ukuphatha indlu yakhe. Kungenjalo waayenza le nto engenanjongo yanto itheni; kodwa le ntsikelelo emveni kokuba uMhlomi ebhubhile, yaalongamela lonke elaseLuSuthu.