I-mouse yekhompyutha

Livela

[I am Trieu Thuan Son, the sockpuppet in Wiki Vietnam. F**k you eliminator Ryder1992.[File:3-Tasten-Maus Microsoft.jpg|thumb|Ii-mice ezininzi zinamaqhosha amabini kunye nevili lokuqengqeleka.  ]] I-omouse yekhompyutha isisixhobo se-input esisoloko sisetyenziswa kwi-personal computer. Ukuhamnjiswa kwe-mouse isehliswa isenyuswa kuloo ndawo ihanjiswa kuyo nekuyindawo engumphezulu olungeleleneyo  ingayishukumisa i-on-screen cursor iyise kwiindawo ngeendawo apha kwi-screen. Okufakwe kwi-khompyutha kungasuswa okanye kuchongwe ngokucofa nje amaqhosha e-mouse (oko ke kubizwa ngokuba kuku-klikha).[1]

Ibizwa ngokuba yi-mouse yekhompyutha ngenxa yentambo yocingo exokomezela i-mouse kwikhompyutha.  Abantu abakha ii-mice zekhompyutha zokuqala bacinga okokuba ifana nomsila wempuku. Namhlanje ii-mice zekhompyutha ezininzi zisebenzisa uxokomezelelo lweteknoloji,  olungenacingo. 

Imbali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

umntu owenza i-mouse yokuqala, uDouglas Engelbart.

ngo-1964 uDouglas Engelbart (1925-2013), ingcali yezophando eStanford Research Institute, wafuna ukufumana indlela yokwenza ukuba ukusetyenziswa kwekhompyutha kubelula.  Ngezo ntsuku,  iikhompyutha zazinkulu kunjalo nje zikhwaza ngamaxabiso.  Kwakunzima kakhulu ukuzisebenzisa kuba yonke into ebhalwayo  kwakufuneka ichwethezwe ngesandla, kwaye kwakungekho ndlela yokulungisa xa wenze impazamo. 

Emva kwexesha elide efunda ekwayila izinto ezintsha, uEngelbart waaphumelela ekwakheni isixhobo se-input awasibiza ngokuba yi- 'XY index'.

Ekuqaleni, yayifuna ukusetyenziswa ngezandla ezimbini, kodwa ke kwatshintsha oko ukuze sibe sinye kuphela isandla esifunekayo ukuyisebenzisa. Olu hlobo lwalufana nolwe-mouse esele siyisebenzisa kule mihla. Uphando lwe-Xerox Palo Alto luze ne-GUI ngo-1981, lusebenzisa i-mouse.

I-Early Apple II mouse ineqhosha layo elinye. 

I-mouse yayisetyenziswa nge-Macintosh[2] ye-Apple Inc. xa yayifika okokuqala ngo-1984. I-Microsoft Windows nayo isebenzise i-mouse xa yayisafika,  ngoko ke ii-mice zekhompyutha ezazisoloko zikho zasetyenziswa kwiikhompyutha ezininzi.  Ii-mice zangoku zinamaqhosha amathathu: elasekhohlo, elasekunene, elokwehla usenyuka kwi-screen sekhompyutha. 

Ukusetyenziswa kwayo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwiikhompyutha ezininzi, i-user ingayishukumisa i-mouse ngeenjongo zokususa i-cursor kuloo ndawo imi kuyo iyisa kwelo cala iya ngakulo. [3] Naxa ikhetha into ethile ekwi-screen, i-user ingayihambisa i-cursor iyise kuloo nto ikwi-screen, ize ithi yakuba phezu kwaloo nto ''iklikhe'' iqhosha langasekhohlo.  Iqhosa le-mouse  elingasekunene lisetyenziswa ukuvula ii-menus ezahlukeneyo, oko ke kuxhomekeke okokuba iphi na i-cursor. Amanye amaqhosha e-mouse angenza izinto ezahlukileyo, oko kuxhomekeke kwi-software. Inkoliso yee-mice inamaqhosha amabini aklikhwayo. 

Inkoliso yee-mice ine-"vili eliman'ukwehliswa liphinde linyuswe"—ivilana nje elincinane elifumaneka phakathi kwamaqhosha amabini namakhulu e-mouse.   I-user ingalihambisa celi vili liye phambili liphinde libuye umva li-''scrolla'' kwizinto ezifana ne-website okanye ifolder. "Uku-scrolla" kuthetha ukuhambisa amagama okanye imifanekiso uyisa phantsi naphezulu apha kwi-screen, elinye icala lalo-page ikwi-screen liza nento esinokuyibona nesithi yi-view.  Ivili lisenokucofwa, ukuze liklikhwe njengakwelinye iqhosha.

Amanye amaphepha azalana neli[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • i-Touchpad
  • i-Trackball
  • i-Touchscreen

Izalathiso[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. http://foldoc.org/mouse Mouse at free on-line dictionary of computing
  2. How computer mice work: "... the mouse hit the scene - attached to the Mac.
  3. http://wordnetweb.princeton.edu/perl/webwn?s=computer+mouse

ezinye ii-sites[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]