I-discourse

Livela

Yintoni i-discourse?

Igama elithi discourse lithetha ngamagama okanye intetho yemihla ngemihla esetyenziswa ngabahlali ekuhlaleni. Kanti ke ngokwakwa-science, i-discourse ibhekiswa kumagama okanye kwintetho esetyinziswayo kweso sifundo kuthethwa ngaso. Siyazi okokuba izifundo ezininzi ziqhutywa ngesiNgesi, kodwa amagama esiNgesi asetyenziswayo ayahluka ngokwezifundo eziqhutywayo. Umzekelo, amagama esingesi asetyenziswa kwezomthetho (kwa-Law) ahlukile kumagama asetyenziswa kwezempilo (kwa-Health). Yhiyo le nto abantu bomthetho abafana namagqwetha, oomantyi, njalo najlo kwiinkundla zamatyala okanye xa bezincokolela bebodwa besebenzisa i-discourse yakwa-Law. Kananjalo, kwezempilo (kwa-Health) amanesi, oogqirha, njalo njalo, basebenzisa amagama akwa-Health xa bencokola okanye bethetha bebodwa. Nanku umzekelo, xa esithi amanesi'Le patient izakufakwa i-''PoP'' meaning "plaster of Paris", umntu ongasebenzi kwezempilo nongayaziyo kwaphela intsingiselo yeli gama, uyakusuka acinge nge-plaster ekunokuba yeyaseParis, axakwe okokuba ingena phi ke ngoku le plaster eseNgqushwa nje yena. Kuba nzima kakhulu ke xa sele kusithiwa makaliguqulele esiXhoseni okanye alitolike eli gama. Inye into eyakunceda kukuthi kanti lo mntu utolika eli gama uyayazi ngokupheleleyo intsingiselo yalo kuba usebenza kwisebe lezempilo. Uyakulichaza kakuhle athi lithetha 'isamente efakelwa kumntu owaphuke ithambo'.

Ibaluleke ngolo hlobo ke i-discourse. Umbuzo obaluleke kakhulu ngowokokuba, kutheni le nto kusetyenziswe amagama esiNgesi (anje ngo-Health; "Law", njalo njalo) sibe sisithi le Wikipedia yeyesiXhosa. Okokuqala qaphela okokuba amagama esingesi abhalwe bukekela ukubonisa okokuba akasingowakwaXhosa ngawolunye ulwimi, isiNgesi ke ukutsho. Eyona nto kaloku kukuba abantwana bamaXhosa abafunda ezikolweni zamaXhosa apho isiXhosa ilolona lwimi lusetyenziswayo bafunda iincwadi ze-science ezibhalwe ngesiNgesi. Ngoku okokoko aba bantwana befunda sele bewaqhele la magama ebhalwe ngesiNgesi. Igama elithi science, umzekelo, laziwa ngabafundi libhalwa ngolu-hlobo "Science", kuba kaloku okokoko bafunda imihla ngemihla xa kuthetha ngescience bazakubona lo "science" obhalwe ngolu hlobo, umzekelo, Physical science, life Science, social science, Agricultural science, nezinye. Xa ke ngoku ezakudibana neli gama selibhalwe ngolu hlobo "Sayenisi", inene siyakube siyababulala abantwana, kuba abasayikuqhelana lula neli gama. Ngaphezu koko, akukho ndlela kugqitywe kuyo emakubhalwe ngayo laa magama akwa-science. Nanku umzekelo apha kwa-Wikipedia. Igama elithi "Biology" libhalwe ngeendlela ezahlukileyo Bayoloji, Bhayoloji.