I-Oregoni

Livela

I-Oregoni luphondo kumaphondo angamashumi amahlanu eYunathedi Steyithi elizwekazi uMntla Melika. Idolophu elikomkhulu lwe-Oregoni yiSalemi. Esona sixeko sikhulu e-Oregoni yiPortlandi.

Oluphondo lwahlulwe yimida namaphondo emelene nawo amane:

  • IKhalifoniya (emzantsi Oregoni)
  • INavada (emzantsi nasempuma Oregoni)
  • I-Ayidaho (empuma Oregoni)
  • IWashingthoni (emntla Oregoni)

I-Oregoni ikunxweme lwentshona Mntla Melika. Abantu base-Oregoni babizwa ama-Oregoni (Oregonians ngesiNgesi). IPortlandi, iSalemi, i-Yujini kunye neKorvalisi zizixeko ezikummandla obizwa “The Valley” (intlambo ngesiXhosa). Abona bantu baninzi bahlala apha kule ntlambo. Le ntlambo inamahlathi, iingxangxasi, amachibi kunye nemilambo. Empuma yalentlambo yi-High Desert (intlango aphakamileyo ngesiNgesi).

Kwakweli phondo kukho iqela lomdlalo webhola yebhaskithi elibalukekileyo nelibalaseleyo nelixhaswa kakhulu ngabemi bephondo. Igama lalo libizwa ukuba zi Portland Trail Blazers, gama elo elithetha ukuba zingcali nentlola ezazisa ikhondo elitsha.

Kukwakho iYunivesithi eziliqela kweli lase-Oregoni.

  • IYunivesithi yase-Oregoni (University of Oregon)
  • IYunivesithi yoPhondo I-Oregoni (Oregon State University)
  • IYunivesithi yaseMpuma Oregoni (Eastern Oregon University)
  • IYunivesithi yaseNtshona Oregoni (Western Oregon University)
  • IYunivesithi iWilamethi (Willamette University).

Imbali yeOregoni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Imbali yakudala[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Iintabamlilo zenza kwakheka umhlaba we-Oregoni. Oku kuyilwa komhlaba zintabamlilo kwenzeka kudala kwiminyaka emininzi eyadlulayo phambi kokuba kufike abantu. Inkcazo-bungcali ngemvelaphi yoluntu lwaseMelika ichaza ngabantu abavela e-Eyijiya bafika eMntla-Melika bewela ngokunqumla ibholorho yomhlaba. Ukunqunyulwa kwebhulorho yomhlaba ngabantu kwenzeka kwiminyaka emininzi eyadlulayo kodwa oku ke kwenzeka emva kweminyaka emininzi yayilwayo ibhulorho yomhlaba.

Inkcazo-bungcali ihambisa ithi oku kwakheka kwebholorho yomhlaba phakathi kwe-Eyijiya noMntla Melika kwenzeka ngenxa yokuhla komlinganiselo wamanzi olwandle owabangelwa kukuhla ngamandla kobushushu beplanethi. Njengoko umlinganiselo wolwandle usiya usihla ngakumbi umhlaba waya uvela udibanisa la mazwekazi mabini i-Eyijiya nomntla Melika nto leyo yenzeka okokuqala embalini yoluntu. Izinyanya zakudala zabemi bokuqala be-Oregoni beza ngokuwela le bhulorho yomhlaba.

Emva kwexesha elithile ukuhla kobushushu beplanethi kwathoba isantya kwade kwama ekugqibeleni. Emva koko imozulu yaqala ukufudumeza nto eyabangela ukuba umlinganiselo wamanzi olwandle unyuke ude uphuphumela kwicala le Eyijiya noMntla-Melika. Ngokuya amanzi olwandle enyuka aphuphuma yade yagutyungelwa ibhulorho yomhlaba edibanisa la mazwekazi. Amanzi ngoku awahlula lamazwekazi angamaqela ngamaqela abantu: abantu belizwekazi iiMelika kwaye abantu belizwekazi i-Afrika, i-Eyijiya, i-Ostreliya neYurophu. Izinyanya zakudala zoluntu lokuqala lwase-Oregoni lulapha phakathi kwabantu bemveli.

Ngokuya ixesha lihamba abantu bazifumanela indawo zokuhlala ngesemiqolombeni kufutshane namanzi. Uninzi lwabantu lwahlala ecaleni lomlambo iKholumbiya, entlango nangakunxweme lolwande.