Ezolimo

Livela

Ezolimo, sisenokuthi kukufuya, le nto athi amaNgesi wona yi-farming, okanye singathi xa kuthethwa nge-Agriculture kuthethwa ngezolimo, athi ke yena ontetho isisiNgesi yi-husbandry.

Ngokupheleleyo i-Agriculture kukufuywa kwezilwanyana; kukutyalwa kwezityalo nokukhuliswa kwazo, ukunonotshelwa kwesityalo ekuthiwa yi-fungi, kunye nezinye indlela zokuxhasa ubomi ezinje ngokutya, I-fiber ekutyeni, i-biofuel, nezibuyezarha kunye nezinye iimveliso ezisetyenziswa kakhulu ukugcina nokuphucula impilo yomntu. I-Agriculture yayingundoqo kuphuhliso ngethuba apho kwakusanda khona ukufuduka kwabantu kwiindawo zabo zemveli ngenxa yokuzingela nagezinye izizathu de baye kuzinza kwelinye ilizwe babe ngabalapho umphelo. Ngesingesi ke kuthiwa le mfuduko yi- sedentary human civilization. Apha ke kulapho kwatsho kwanda ukufuywa kwezilwanyana zasekhaya nokutyalwa kwezityalo ezikukutya eluntwini, okwaba luncedo olukhulu kwatsho kwakho umdliva wokutya. Le ntlutha yenza okokuba luye luphuhla ngokuphuhla i-civilisation.

Isifundo esenziwa ngale-Agriculture kuthiwa yi-Agricultural science. Imbali ngale Agriculture singayilanda emva ukusuka kumawaka-ngamawaka eminyaka, apho ukukhula kolimo bekusoloko kuqhubeka phambili kusenziwa kukwachazwa ngokubanzi kukwahlukana kwemo yezulu, kwamasiko, kunye ne-technologies.