E-Algeria

Livela
I-Algeria kwimephu yehlabathi  

Algeria (official name: I-Algeria (urhulumente olawulwa sisininzi sabantu base-Algeria) lilizwe elizinze kwintshona yomNtla-Afrika. Intloko dolophu yeli lizwe yi-Algiers. I-Algeria lelona lizwe lakhe lalikhulu e-Afrika. Igama lalo lisuka kwisixeko sedolophu esiyi-Algiers. Umntla weli lizwe woyame ngolwandle iMediterranean, ize yoyame nge-Tunisia ngaseMntla-Mpuma, kube yi-Libya ngasempuma, kube yiNiger ngasemzantsi, kube yiMauritania Sahara neSahara  ngasentshona, ize kube yiMorocco ngasemntla-ntshona.  

Ezinye ii-websites[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

I-Algeria yayinabantu ukusukela ngeminyaka yoo-10.000 BC. Loo nto ingabonwa kakuhle kwiTassili National Park. Ngo-600-BC, amaPhoenician ayeseTipasa. AmaArabhu okuqala awayengamaMuslim eza e-Algeria phakathi kumnyaka wenkulungwane yesi-7. Baninzi ke abantu abathi bazikhethela le nkolo. 

Ngenkulungwane ye-11, iintlanga zama-Arabhu amaBanu Hilal nezamaBanu Sulaym zagaleleka phakathi kwe-Tunisia nempuma-Algeria (i-Constantois). Ingcaphephe ngezemathematika eyayidume kunene, uFibonacci (1170-1250) waqala ukuhlala e-Algeria eselula. Kulapho wafunda khona inkqubo yokucwangciswa kwamanani esiHindu nesi-Arabhu, watsho waphawula okokuba kulula ukuwasebenzisa. Ngeminyaka yoo-1500 neyoo-1700, ubukumkani baseSpain  bathathela kuyo inkoliso yolawulo lwe-Algeria. Yaza i-Algeria yenziwa inxalenye yobukumkani base-Otwulatoman ngo-1517. Zaza ke zona ii-Pirates zasebenza zisuka kunxweme oluyiBarbary. Zazithatha abantu zibathengisele ubukhoboka. 

I-France yaqala ukuthathela kuyo ulawuwulo lwe-algeria ngo-1830. Ngo-1954, I-National Liberation Front (Front de Libération Nationale or FLN) yaafuna inkululeko yayo e-France. Kwada ke kwakho nemfazwe, balwa.  Ide yayifumana inkululeko yayo kwiFrance ngomhla wesi-5 kweyeKhala ngo-1962. Ngo-1963, uAhmed Ben Bella waba nguMongameli wokuqala waseAlgeria.

IMfazwe yobuKhaya e-Algerian yaaqala ngo-1991. Yaaphela ngo-2002. Emva kokuba abantu abaninzi baathi baqhankqalaza, kwiindawo ezinjenge-Tunisia, eJiphethe, nase-Libya, urhulumente wayiphelisa imo yonxunguphalo eyayibekwe ngurhulumente ngomhla wama-24 kweyomDumba ngo-2011. 

Indawo enkulu kumazantsi e-Algeria yintlango yaseSahara.  Imiyinge yeentaba ze-Aures ne-Nememcha isemantla. Eyona ndawo iphakamileyo yiMount Tahat (uzimitha ezingama-3,003).

Iilwimi ezisetyenziswayo ngokusesikweni laseburhulumenteni balapha, sisi-Arabhu nesiBerber. Kanti ke nesiFrentshi sisetyenziswa kakhulu ngabantu abanininzi kule ndawo. 

Uluntu lwase-Algeria lumalunga nezigidi ezingama-39.5 zabantu. Izixeko zeli lizwe zingaphaya kwama-40 kwaye zinabantu abangaphaya kwe-100,000.

Angama-48 amaphondo (ukusukela ngo-1983) ase-Algeria, ngala:

Kufundwe laa maphepha alandelayo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukwahlulwa-hlulwa[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Iilwimi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Imbali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amaziko eUNESCO ajongene namasiko kunye nezithethe kwiHlabathi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Aliqela amaziko eUNESCO ajongene namasiko nezithethe zehlabathi e-algeria. [1] aquka i-Al Qal'a ye-Beni Hammad, ikomkhulu lokuqala lobukumkani be-Hammadid; i-Tipasa, idolophu yama-Phoenician eyathi kamva yaba yidolophu yaseRoma; ne-Djémila kunye ne-Timgad, amabhodlo amandulo amaRoma; intlambo ye-M'Zab, intlambo yekalika enesihlaziyi esiphuculwe ngokwasezidolophini ezinkulu; kananjalo i-Casbah yase-Algiers yinqaba is an important citadel. Linye kuphela iziko lemveli elijongene namasiko nezithethe zeHlabathi yi-Tassili n'Ajjer, udederhu lweentaba.

IJografi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Amanye amaphepha asihloko sawo sifana neli[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Izalathisi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. UNESCO "UNESCO World Heritage Centre" retrieved 25 September 2011