Cheryl Carolus
UCheryl Carolus owazalwa nge-27 kaMeyi 1958 kwezopolitiko waseMzantsi Afrika[1][2]. Uzalelwe eSilvertown, eCape Flats[3], eKapa.Utata wakhe wayeqashwe njengomsekeli wePrinta,umama wakhe wayeyiMongikazi.Wafunda kwisikolo esikufutshane amabanga wakhe aphezulu waze wabayinkokheli yabafundi iabakwibanga leshumi elinambini.Emva kwebanga leshumi elinambini waarejistela isidanga seBA nesidanga sobutitshala kwiDyunivesithi yaseNtshona koloni.UCarolus wabangu titshala wesiNgesi.Wayelilungu elafumana iUWO eNtshona koloni Waangena kwezopolitiko esesikolweni waze wabali litshantliziyo emva kokungena kwiUDF[4] ngonyaka ka-1983.Ngonyaka ka-1986 ngoFebruwari uCarolus wamenywa kwiInternational Centre yeSwedish Labour Movement njengelungu leUDF.Ngonyaka ka-1989,uCarolus wabasisithethi seNtshona koloni ngophulo lwendelo elenziwa yiMDM.[5] Ngonyaka ka1990 xakuphuma utata uNelson Mandela entilongweni wabalilungu leANC.NgoMeyi kwakunyaka ka-1990,UCarolus wonyulwa ukuba abeyingxenye yeDeligeyishini yeANC eyabamba iintetho noRhulumente wocalucalulo waphinda ngoJulayi ka1991 wonyulwa kwiKomiti yeANC.Utshate noGraham Bloch.Ngonyaka ka-1996 wabanguKomishina ophezulu waseMzantsi Afrika eLondon.Phakathi konyaka ka-2001 ukuya kunyaka ka2004 wayenguCEO wezokhenketho zaseMzantsi Afrika.WayenguSihlalo webhodi yeSANPARKS[6][7],ngo-2009 wafumana esisihlalo kwaSAA .UkwanguSihlalo wePeotona Holdings,ikampani yezotyalo ejongene nokuphucula amarhwebo.UCarolus lilungu leKomishini yeInternational Crisis Group.Ngonyaka ka-2015 wayengumthenjwa weBritish Museum.Ngemini yesihlanu kuMeyi ka-2015 imizimba yabazali besoka lakhe yafunyanwa eKapa ibotshelelwe izizidumbu.[8]
Imithombo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ https://en.wikipedia.org/wiki/South_Africa
- ↑ waseMzantsi Afrika
- ↑ Cape Flats
- ↑ kwiUDF
- ↑ "Archive copy" archived from the original on 2020-05-14 retrieved 2019-10-05
- ↑ yeSANPARKS
- ↑ yeSANPARKS
- ↑ https://www.sahistory.org.za/people/cheryl-carolus