Amazwi alula omculo wefowuni

Livela
Cordless phone
Older telephone

Ifowuni sisixhobo esisebenza ngeentambo zombane. Ifowuni isebenza ngokuthi mens ababini bekwiindawo ezahlukeneyo bakwazi ukuthetha. Iifowuni zamandulo bezisaya kuxhunyaniswa ngeengcingo zombane. Kungoku nje intetho eza ngefowuni ingathunyelwa ngeradiyo. Le ndlela intsha ke kuthiwa yiwayalesi okanye engenazintambo

Imbali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

U-Alexander Graham Bell ngumntu wokuqala owenza nefowuni, ngo-1876. [1] Iifowuni zamandulo zazenziwe ngeengcingo, ngcingo ezo kwakuxhunyaniswa ngazo ifowuni kwenye, kwaye wawunokuthetha kuphela kwiifowuni ezazixhunyaniswe naleyo uyisebenzisayo. Ekuhambeni kwethuba, ukusebenza kweefowuni kwavumeleka ukuba kuxhunyaniswe kwezinye iifowuni. Kwinkulungwane yama-20 iimatshini ezazisenza unxibelelwano zenziwa ukuba zizixhumanise ngokwazo. Uhlobo lwefowuni ekuhanjwa nayo kuthiwa yi-’’Cell-phone’’ . Olu hlobo lwefowuni lwaqala ukuxhaphaka xa iminyaka yoo-1980 isiya ekupheleni. Ngezo ntsuku abantu babesoloko bephethe aba ’’ndihamba naye’’ beefowuni, kwezinye izixeko okanye amazwe bekude kube yinto engaqhelekanga ukuhlala ungenayo. Ezinye iifowuni ezi lolu hlobo zinakho ukutsala umnxeba zisebenzisa i-satelite yonxibelelwano endaweni yeepali zonxibelelwano ezisemhlabeni, into ethetha okokuba abantu bangawutsala umnxeba nokokuba sele bephi na kwihlabathi jikelele.


Iintlobo-ntlobo zeefowuni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Zininzi iintlobo zefowuni. Ii-''Computer'' zingasebenzisa oomatshini ekuthiwa zii’’modern’’ ukuze zixhumane nezinye ii’’computer’’ ngomzila wefowuni. Loo nto yenza kubelula okokuba I’’computer’’ idityaniswe nezinye [ii-network zecomputer|izixhumanisi zecomputer’’]] ngomzila wefowuni, kuquka ne-intanethi. Kumazwe amaninzi kukho iifowuni zikawonke-wonke. Ukuze umntu akwazi ukuzisebenzisa, kufuneka abhatale ngemali eziinkozo, okanye abhatale nge’’credit’’ khadi, okanye i-’’prepaid card’’

Amazwe amanizni anemizila yeefowuni. Kumazwe asakhulayo ii’’cell phones’’ zisetyenziswa njengeyona ndlela etshiphu nekhawulezayo ekuziseni unxibelelwano lwanamhlanje kula mazwe.

Inombolo yefowuni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ifowuni nganye inenombolo yayo. Namhlanje, iinombolo zefowuni zimalunga nesixhenxe ukuya kwishumi. Kumazwe amaninzi, inxalenye yenombolo yefowuni kuthiwa yi[[khowudi yendawo| '’area code. Iikhowudi zendawo zisetyenziselwa ukuqinisekisa okokuba iinombolo zeendawo ezimbini ezahlukeneyo azifani. Indawo nganye inekhowudi yayo, kwaye namazwe anezawo Iikhowudi.

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "Alexander Graham Bell Laboratory Notebook, 1875-1876" World Digital Library 1875-1876 retrieved 2013-07-24 

Amazwi alula omculo wefowuni